By Anita Qubula.
I-SANRAL ibhengeze ukugqitywa kokuphuculwa kwendlela exabisa amakhulu amahlanu ezigidi zerandi (500 million) zeCandelo le-N2 phakathi kweQonce kunye neGreen River, emva kweminyaka emithathu enesiqingatha yolwakhiwo.
Abaqhubi bemoto abahamba kuhola wendlela uN2 phakathi kweQonce neNgqushwa eMpuma Koloni baza kuxhamla kwinto ebathembisa ukuba yindlela ekhuselekileyo nengenangxinano.
IProjekthi yophuhliso lwendlela uN2 Green River izingca ngeebhulorho ezintathu (3) zale mihla zokuphucula ukhuseleko. 
Le projekthi ibandakanya ukwandiswa kweendlela ezibanzi, ibhulorho entsha ebanzi phezu koMlambo iBuffalo, indlela engaphantsi yeenkomo kunye neendlela zabahambi ngeenyawo.
I-SANRAL ithi imijikelo emibini emitsha ejikeleza izithuthi iye yakhiwa ekudibaneni kweendlela u-N2/R63 kunye no-N2/Engen iyokufikelela kwindlela yokunciphisa ingxinano ngelixa uphuculo lokhuseleko lwejiyometri luye lwenziwa kwiintlangano-ndlela.
Isithethi sikaSANRAL uJenay Petrus uthi le projekthi ayiphelelanga nje ekuphuculeni ukhuseleko ezindleleni, yintshatsheli yophuhliso lwentlalo noqoqosho kuMasipala oMbhaxa weBuffalo City (BCM).
Inxalenye ebalulekileyo yebhajethi yeprojekthi inikezelwe ekuxhobiseni abasebenzi basekhaya kunye namashishini ekujoliswe kuwo.
Iprojekthi yeCD iquka ukufakwa kwetela kwi-3km yendlela yaseGinsberg, neqala ku-R63 no-N2 zidibana ze idlulele kwiziko iSteve Biko ukuya kutsho kwisitalato iSompunzi, kumganyana nje osuka kwikhaya lenkokeli yeBlack Consciousness Movement engasekhoyo, uStephen Bantu Biko.