By Sophumelela Singqota
I-United Democratic Movement (UDM) ifake isikhalazo ngokusesikweni kwiKomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika (SAHRC) malunga neentetho “zobuhlanga nezesini” ezenziwa ngumqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos.
La mazwi ekubhekiswa kuwo athethwe kwinkomfa noonondaba ePitoli ngoLwesithathu. U-Broos onomsindo uvakalise ukuphoxeka kumdlali wasemva oselula uMbekezeli Mbokazi osuka kwi-Orlando Pirates ukuya eChicago Fire ngokuba uphoswe yinqwelomoya kangangokuba walibazisa ukungena inkampu yaBafana Bafana ePretoria University’s High Performance Centre, apho bebelungiselela i-Africa Cup of Nations (Afcon) ka-2025.
Isikhalazo seUDM singqinwe kuFacebook ngu Nqabayomzi Kwankwa olilungu lePalamente ngoLwesine.
“Sifake isikhalazo esisemthethweni kwiKomishoni yamaLungelo oLuntu ngokuchasene nomqeqeshi uHugo Broos ngentetho yakhe yobuhlanga nesini ebhekiswe kuMbokazi kunye ne arhente yakhe, uBasia Michaels,” ubhale watsho uKwankwa.
“Ucalucalulo lobuhlanga nokucingela abantu abamhlophe akunandawo kuluntu lwethu kwaye asizukuyinyamezela nakubani na, kuquka nomqeqeshi weBafana Bafana, sikwabhalele iSafa [uMbutho weBhola eKhatywayo woMzantsi Afrika] sivakalisa inkxalabo yethu enzulu nokucaphuka kwethu ngamazwi akhe.
“UHugo kufuneka aphendule ngeentetho zakhe.”
Ezi ngxelo kuthethwa ngazo kuyabonakala ukuba zibhekisa kuBroos esithi uza kubamba intlanganiso noMbokazi malunga nendiza elahlekileyo, aze umdlali angene kwingxoxo “emnyama” aphume “emhlophe”.
“Ndiza kuncokola naye emva koqeqesho kwaye ndiyakuqinisekisa, ungumntu omnyama kwaye uzakulishiya igumbi lam njengomlungu,” utshilo uBroos ngoLwesithathu.
Egxeka iUS club the Fire, athe uMbokazi wangenelela esuka kwi-Orlando Pirates emva kwe-Afcon, umdlali oneminyaka engama-20 ubudala okhuselayo njengeqela lakhe lokuqala phesheya kweelwandle, uBroos ubize uMichaels “njengomfazi omncinci olungileyo oyi-arhente yakhe”.
Umthombo osondelelene noBroos, ongavumanga ukuchazwa ngegama, uthi wayethetha ukuthi uMbokazi uzakuphuma “emhlophe” kule ndibano (ebhaqwe yinkxalabo) ngenxa yokuba efundwe ngesi senzo sodushe. Bathe umqeqeshi ubhekisele kuMichaels ngendlela enze ngayo kuba ukusebenzisa kweBelgian isiNgesi akugqibelelanga.
UBroos uthi uMbokazi uphoswe yinqwelomoya esuka eThekwini waze wafika emva kwexesha kwinkampu yeBafana eqale ngoMvulo.
Abadlali bePirates banikwe ikhefu leentsuku ezimbalwa emva kokuphumelela umdlalo wokugqibela weCarling Knockout ngo’1-0 kwixesha elongezelelweyo bedlala noMarumo Gallants ePolokwane ngoMgqibelo kwaye bazakuqala ukuzilolonga ngoLwesithathu, kodwa uBroos khange axole ukuba uMbokazi aphoswe yinqwelomoya yakhe.
Ileta eya kwi-SAHRC etyikitywe ngunobhala-jikelele we-UDM uYongama Zigebe, ibhekisa kwisiqendu 9 somgaqo-siseko “oluthintela ngokuphandle ucalulo olungafanelekanga ngokobuhlanga, ngokwesini kunye nezinye iindidi ezikhuselweyo”.
“Amagqabantshintshi axeliweyo, anobuhlanga, ayangcikiva kwaye nokunciphisa isini, ayinongahoywa njengeengxelo ezingezizo,” yatsho le leta.
“Zinembali nentsingiselo yenkcubeko kuluntu olusaphilisa ekumiselweni kobuhlanga kunye nocalucalulo ngokwesini. Amanani oluntu, ngakumbi abo baphathiswe amaqela esizwe, bathwele uxanduva oluphakamileyo lokuxhasa iinqobo zokungacaluli ngokobuhlanga, ukungacaluli ngokwesini, intlonipho nokulingana.”
I-UDM icela ikhomishini “yophando oluzimeleyo” kwaye “ikhuphe izindululo ezifanelekileyo zokuqinisekisa uxanduva lokuphendula kunye namanyathelo okulungisa”.
UBroos ebethetha kwinkomfa yokuqala noonondaba kwinkampu yeBafana eTuks.
Abadlali boMzantsi Afrika badlale umdlalo wokugqibela wokuzilungiselela bedlala neGhana eDobsonville Stadium eSoweto ngoLwesibini kwaye bazakuhamba ngenxa yeAfcon eMorocco ngoLwesithathu. Badibana ne-Angola kumdlalo wabo wokuvula eMarrakesh nge-22 kweyoMnga.
Isebe lezosasazo leSafa lithe alizukuphawula ngesi sikhalazo.

