Ibhodi yotywala eMpuma Koloni i Eastern Cape Liquor Board (ECLB) ithi ibone ngexhala amaxwebhu abhengeza imijuxuzo eyaziwa ngoku yi “pens Down” ithe ndii kumaqonga onxibelelwano azakuthathi-nxaxheba emva kweemviwo zebanga leshumi.
I-ECLB iqhube iphulo lokunqanda lo mkhuba kulandela ukubhubha kolutsha olungamashumi amabini ananye eNyobeni Tavern eScenery Park eMonti kunyaka ophelileyo.
Unobangela wokubhubha kwabo awukachazwa logama abanikazi bethaveni besematyaleni ngokophula umthetho iLiquor Act.
Abazali abangonelisekanga babantwana abaswelekileyo bebefuna iimpendulo kwabasemagunyeni njengoko uphando ngokubhubha kwabo lusaqhubeka.
Kwingxelo yangoLwesine, i-ECLB ithe igxeka kakhulu “le mikhuba inezothe kunye nendelelo kwaye isebenza ngokungakhathali ukuthintela la maqela”.
Uluntu luyabongozwa ukuba luphaphe kakhulu ngeli xesha ukwenza konke okusemandleni ukuthintela lemiyadala ukuba ingabanjwa.
“Sinqwenela ukuthumela isilumkiso kubafundi bethu ukuba bangaze baququzelele amatheko ePens Down ukunqanda izehlo ezifana nesehlo sase-Enyobeni Tavern,” utshilo uGqirha Nombuyiselo Makala.
Ukwakhuphe isilumkiso kubarhwebi botywala ukuba bohlukane nokusingatha la matheko kumaziko abo esithi azakuthathwa amanyathelo akhawulezileyo nakuwuphi na umrhwebi ovumela oku ukuba kwenzeke.
“Abahloli bethu botywala abasebenzisana nenkonzo yamapolisa bazakubeka esweni iindawo ezithengisa utywala obunokuthi busetyenziswe kumatheko ePens Down,” utshilo uGqr Makala.
“Ulutsha lukhuthazwa ukuba lukhangele ezinye iindlela zokubhiyozela ukuphela kweemviwo ngaphandle kokuzinkcinkca ngeenyembei zika Victoria”.