Kulindeleke ukuhla okumandla kwiimpompo zamafutha ngoDisemba

Kulindeleke ukuba amaxabiso epetroli ehle kakhulu ngoDisemba.

Umbutho iAutomobile Association uthi ngokweenkcukacha ezingaphicothwanga zaphakathi enyanga kwiCentral Energy Fund, ixabiso lepetroli kulindeleke ukuba lehle ngeR1.06 ilitha, ze idizili yehle malunga neR2.10 ilitha.

I-AA ithi ixabiso leparafini yokukhanyisa kulindeleke ukuba lehle malunga ne-R1.75 ilitha.

Ithi ingxelo yangoku ibonisa ukuba amaxabiso emveliso yamazwe ngamazwe athobile ukususela ekuqaleni kukaNovemba kwaye anegalelo kubuninzi bokuhla okulindelekileyo.

“Ixabiso elingamandla leRandi xa lithelekiswa neDola yaseMelika nalo lidlala indima yalo kwaye lidityaniswa namaxabiso e-oli azinzileyo ukuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika bajonge ukuthotywa kwamaxabiso epetroli kweyoMnga,” itsho iAA.

Amaxabiso epetroli ahlengahlengisiweyo aya kuqala ukusebenza ngomhla we-6 kuDisemba

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
87 %
2.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA