19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

IBhunga lezoShishino labaNtsundu (Black BusinessCouncil) likhuphe isilumkiso esiqatha kubemi boMzantsi Afrika.

By Buhle Nomgalasa.

I-BBC ilumkisa ngokuchasene nabantu bamazwe angaphandle abafumana amakhulu amahlanu ezigidi zerandii (R500m) kwingxowa yenkxaso yezirhoxo eyenzelwe abemi boMzantsi Afrika.

IBhunga lezoShishino labaNtsundu (Black BusinessCouncil) likhuphe isilumkiso esiqatha kubemi boMzantsi Afrika, libabongoza ukuba bangazibhalisi iivenkile zeSirhoxo egameni labantu bamazwe angaphandle abangenazo iimpepha-mvume ngenjongo zokuzama ukufumana amakhulu amahlanu ezigidi zerandi (R500million) kwingxowa yenkxaso yezirhoxo.

Le ngxowa-mali, isungulwe ngokusesikweni ngomhla wesibhozo (8) kuTshazimpuzi, ngonyaka-2025, nguMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano uParks Tau, ijolise ekuphakamiseni oosomashishini abantsundu baseMzantsi Afrika kwicandelo leentengiso ezingamiselwanga.

USekela-Mongameli we-BBC uGregory Mofokeng ugxininise ukuba eli nyathelo lenzelwe ukunceda abanini bamashishini basekhaya kwaye walumkisa ngelithi ukulisebenzisa gwenxa ngokubhenela abantu abangabhalwanga ngamaxwebhu kungathetha ubuqhophololo.

Ukwahlabe ikhwelo kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba zilunyanzele phantsi olu qheliselo, eqaqambisa indlela ezingaphuli mthetho nje kuphela kodwa zikwatshabalalisa namathuba ezoqoqosho kubemi boMzantsi Afrika ngakumbi xa abanini-mhlaba beqeshisa ngeendawo zokuthengisa kubaphambukeli abangenazo iimpepha-mvume ukuze bafumane imali.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks