By Siphiwo Boqwana
IiSharks neeLions zizakuqubisana kumagqibela kankqoyi emva kokuphumelela bebetha iiBulls nabakhuseli iiCheetahs.
Emva kokuphumelela kwimidlalo yamandulela kamagqibela kankqoyi iiSharks neeLions zizakuqubisana kumagqibela kankqoyi weNdebe yeCarling, oko kwenzeka emva kokuba iiSharks zibethe iiBulls zaze zona iiLions zabetha iiCheetahs nebezikhusela lentshinga.
IiSharks zidlale ntanganye ngamanqaku ngoMgqibelo ngethuba zidlala neeBulls ngamanqaku angamashumi amane macala (40-40). Kodwa iiSharks zigqithele phambili emva kokulala emgceni amatyeli amathandathu (6) zona iBulls zahamba emva ngeetrayi ezine (4) emva kokongezwa kwexesha lamaqela elingana.
Zona iiLions zibethe iiCheetahs ngamanqaku angamashumi amane anesithathu kumashumi amathathu anesine (43-34). IiLions zagqibela ukudlala kumagqibela kankqoyi ngonyaka ka-2019.
Siphele isiqingatha sokuqala lamaqela ebambene ngeshumi elinethoba macala (19-19).

