By Siphiwo Boqwana
UShabalala noVilakazi balincedile iqela laMakhosi kwimpumelelo yabo eFreyistata.
IQalile imidlalo yeBetway Premier League kwisizini entsha yebhola ekhatywayo eMzantsi phantsi kombutho iPSL ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine (14) kweyoMsintsi inyanga.
Iqela iRoyal AM ivule ngokudlala ntanganye neqela leeCitizens zaseKapa ngenqaku elinye macala (1-1) nalapho iThwihli Thwahla iqale ngokophisa kuqala ngethuba ifaka inqaku lokunqenqeza phambili kodwa abalazanga elidlalayo ngethuba iCape Town City ibeka elokulinganisa phambi kokuba kuphele umdlalo.
Uphele umdlalo entanganye lamaqela, elaKwaZulu Natal nelaseNtshona Kapa ngenqaku elinye macala(1-1) nangona iRoyal AM ihambe phambili ngenqaku elinye kwiqanda (1-0) ixesha elide.
Iqela likaMamkhize noko linokunconywa lidibene nomqeqeshi walo uJohn Maduka kuba kaloku bona oko boohlwaywa yiFIFA engumbutho webhola ekhatywayo wehlabathi ngesizathu sokungafuni ukuhlawula abadlali nasele bebabini ngoku omnye wabo nguNorkovic waseSerbia nowayesakudlalela iKaizer Chiefs nokungoku nje ekhululwe yiTS Galaxy.
Lona iqela laMakhosi liyivule kakuhle lesizini ngethuba bephumelela ekuhambeni ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) ngethuba bebetha IMarumo Gallants kumabala aseFreyistata eBloemfontein apho inkundla yezemidlalo ibizele imi ngeembambo amatiki ethengwe aphela.
IChiefs ibidlala ngabadlali abatsha ingakumbi ngasemva apho ebemnye kuphela umdlali umqeqeshi omtsha uNasreddine Nabi efike ekhona, lowo inguFrosler, abanye kwabafikayo nguMiguel, uCross, uDortley nomgcini zipali uNtwari. Phambili ibinguGaston Sirino ovela kwiMamelodi Sundowns noyinzalelwane yaseChile kunjalo nje udlale kakuhle kakhulu.
Ibe ngabadlali abasakhulayo nabakhulele kwiKaizer Chiefs abafake amanqaku, abo nguMduduzi Shabalala noMfundo Vilakazi.
Amazulu wona ebendwendwele iqela iPolokwane City ngethuba abahlinzeki basePolokwane bevula isizini ngokuwathatha omathathu amanqaku bephumelela ngamanqaku amabini kwelinye (2-1). Amazulu afake kuqala inqaku ze ahamba phambili ngelinye eqandeni (1-0).
By Siphiwo Boqwana


