INkongolo yeeNkokheli zeMveli zaseMzantsi Afrika eMpuma Koloni (“Contralesa”) ihlafuna iinkcenkce ngumsindo ngokuhlaselwa kweMonti ngamaNigeria ukuze amisele omnye wabo njengeNkokeli yemveli yamaNigeria kwiPhondo leMpuma Koloni.
Oku kuza emva kokuba iContralesa ikhuphe ingxelo yokuba kulihlazo olungazange lubonwe ngaphambili ngabaphambukeli, ikwa kukusebenzisa kakubi ububele beNkokheli ngondlela-mnyama ababunikeze abantu base-Afrika.
“Ingcinga yokubeka iNkokeli yeMveli yaseNigeria kwiKumkani yamaRharhabe ichasene noKumkani uSandile (Aah! Vululwandle!) kunye nesizwe sonke samaRharhabe. Ingathobanga igunya lakhe kuphela kodwa nelobuNkokeli beMveli kwiPhondo lonke. Ookhokho bethu balwe iimfazwe ezininzi zemida kunye neeNkokeli zamaKhoisan ngokuchasene nolawulo lwangaphandle.” Iqhube yatsho ingxelo.
“Sibiza abantu ababandakanyekayo kufakelo olungenamvakalelo ukuba bayeke olu hlobo lobubi njengoko lubangele umsindo phakathi kwabemi abafaneleke ukuthobela iziko lobuNkokeli bemveli namaKhoisan kwaye asinakukwazi ukumelana nohlaselo lokungahloniphi abantu bamanye amazwe.”
iContralesa ithi iza kuxela oku kwiSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe kunye neNtsebenziswano njengoko esi senzo sinokuchaphazela ubudlelwane obuhle abanabo neNigeria ukuza kuthi ga ngoku.

