18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

IDA ibhentsise ukuhohloka kweziseko ezingundoqo kwiidolophu ezincinci

UGq Vicky Knoetze olilungu lePalamente kwiDA ongaba nguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano kurhulumento neMicimbi yezeMveli xa kunokuphatha iDA uthi ukucinywa rhoqo kwamanzi nombane, ukuwohloka kweendlela, ilindle eliphuphumayo, intswela-ngqesho, ukunqongophala kweenkonzo ezisisiseko, kunye norhwaphilizo olugqugqisileyo ngenxa yokusasazwa kwamaqela luqhekeze iidolophu ezincinci zaseMpuma Koloni ezazifudula zihluma.

UKnoetze uthi imeko yokudilika kwezidolophu iye yacaca gca emva kokuba iDA isandul’ ukuqukumbela utyelelo kwiidolophu ezincinci ezingamashumi amathathu anesibini (32) koomasipala abalishumi elinanye (11) eMpuma Koloni.

Iidolophu ezityelelweyo ngulombutho uphikisayo ziquka kuzo iKrakeel, iJoubertina, iClarkson, iWoodlands, iStormsriver, iColdstream, iSomerset East, iPearston, iBedford, iAdelaide, iChintsa West, iChintsa East, iHofmeyor, iMolteno, eKomani, eWhittelsea, eStutterheim, eCathcart, eMakhanda, eSteynsburg, eBurgersdorpd, eOviston, eMiddelburg, eKaladokhwe, eWillowmore, eSteytlerville, eKlipplaat, eJansenville, eKirkwood, ePatterson kunye naseAddo.

I-Democratic Alliance ithi injongo yolu tyelelo ibiziintlobo-mbini, okokuqala kukuthethathethana noluntu kunye nabachaphazelekayo abaphambili malunga nemingeni efunyenwe ngokwemigaqo yolawulo nokuxoxa ngezisombululo ezinokubakho, okwesibini kukwenza uqwalaselo kwiziseko ezingundoqo ezifana neendlela, amanzi, amanzi amdaka, ugutyulo, nezinye iziseko zophuhliso zikamasipala kunye nonikezelo lweenkonzo ezisisiseko.

Emva kolutyelelo, iDA ikhuphe ingxelo yokuba eMpuma Koloni, ngoomasipala abalishumi elinesithandathu (16) kwabangamashumi amathathu anethoba (39) abasengxakini enkulu yezemali. Uthi isiqingatha soomasipala bezithili baphantsi kolawulo. Ukwathe ityala likamasipala elityala u-Eskom lithe kratya kwaye ngoku limi ngaphezulu kwe-R3,5 yeebhiliyoni zeerandi.

“Ubunyani baloo nto siyifumeneyo yeyokuba kukho ukunqongophala ngokubanzi konikezelo lweenkonzo ezisisiseko kwiidolophu ezininzi kwaye iziseko zophuhliso ezingundoqo sele ziwile okanye sele zisecicini lokuwa. Ulawulo olulambathayo luneziphumo ezibi kakhulu kubantu bezi dolophu zincinci kwaye luchaphazela ngokunzulu umgangatho wobomi bezigidi zabantu abahlala kwimimandla yethu eyingengabo oomasipala abambaxa” utshilo uKnoetze kwingxelo yakhe.

Uqhube ngelithi eminye yeyona mingeni ibalulekileyo ibandakanya, izinga eliphezulu lentswela-ngqesho, ukucuthwa kwamanzi/ukungathembeki kofikelelo kumanzi, iingxaki zogutyulo, ukuwa kweziseko zophuhliso ezingundoqo kunye nokungabikho kweenkonzo ezisisiseko zizonke.

“Kukho ukunqongophala ngokupheleleyo kolongamelo olusebenzayo, uncedo kunye nongenelelo kurhulumente wasekhaya eMpuma Koloni.
Kucacile ukuba ulawulo lwaseMpuma Koloni luphazanyiswe kukusasazwa kwamaqela, ubuqhophololo, ubugebenga nokungabinamdla kwaphela wezopolitiko wokubeka phambili iimfuno zoluntu lwaseMpuma Koloni. Le miba ibulala uqoqosho lwethu, nawaphi na amathemba okuhluma kunye nawo, amathuba abantu bethu malunga nokudalwa kwemisebenzi.” utshilo

Ukanti ukwathe i-DA icebisa ukuba kuhlangulwe iidolophu ezincinci ngokwakha urhulumente onobuchule oza kubhangisa ukusasazwa kwamaqela. Esithi bazakusebenzisana necandelo labucala kunye noluntu ngokwemigaqo yenkqubo “yoluntu lonke”. Uvale ngelokuba kufuneka kubekho iNtsebenziswano zikaRhulumente zaBucala (PPP) ukomeleza amandla kunye nokuvala ezinye izikhewu ezidaliweyo.

Uthi ke I-DA iza kuqhubekeka ukulwa ukuhlangula iidolophu ezincinci ukuqinisekisa ukuba uqoqosho lwasekhaya luyakhuselwa.
“Kulonyulo Jikelele lomhla wamashumi amabini anethoba (29) kuCanzibe kulo nyaka, uthi abavoti bazakuba nethuba lokuvotela iDA ukuba iHlangule uMzantsi Afrika kunye needolophu ezincinci.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks