IDA imangalele uRamaphosa ngentetho yakhe yokukhankasela unyulo.

NgoLwesine, inkundla yolonyulo imamele iingxoxo zeDA kunye ne-Ofisi kaMongameli malunga nokusetyenziswa kakubi nguRamaphosa kweofisi kunyulo luka-2024.

Umbutho iDemocratic Alliance (DA) uthi kunyanzeleke ukuba use umongameli uCyril Ramaphosa enkundleni emva kokuba engazange avume ukuba intetho yakhe phambi konyulo lwesizwe, yayiyintetho yephulo.

NgoLwesine, inkundla yolonyulo imamele iingxoxo zeDA kunye ne-Ofisi kaMongameli malunga nokusetyenziswa kakubi kwe-ofisi yobumongameli  nguRamaphosa kunyulo luka-2024.

I-DA ithe intetho kaRamaphosa yangomhla wamashumi amabini anesithandathu kuCanzibe, neyayiqhutywa yiSABC nakumaqonga onxibelelwano karhulumente, ifana nqwa nokusebenzisa iimali zoluntu ukuzuza ipolitiki.

I-DA ithe ubudlelwane obutsha obusekiweyo ne-African National Congress (ANC) ayizukuyinqanda ekubeni ibeke umbutho uxanduva ngezenzo zangaphambili.

Isithethi salo mbutho kuzwelonke, uWillie Aucamp, uthe iDA inike uRamaphosa ithuba lokuwulungisa lo mcimbi ngaphandle kwenkundla ngobulungisa.

U-Aucamp uthe esi sicelo sakhatywa yi-Ofisi kaMongameli, ekhokelele kwiingxoxo zangoLwesine kwiNkundla yoNyulo, ebihleli kwiNkundla ePhakamileyo yaseRhawutini.

INkundla yoNyulo isigcinile isigwebo kulo mba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.8 ° C
16.8 °
16.8 °
64 %
3.4kmh
5 %
Sat
32 °
Sun
32 °
Mon
18 °
Tue
19 °
Wed
12 °

EZITHANDWAYO INDABA