Kutshayisene imoto ezimbini kuhola wendlela uN2 ngaseMthatha eMpuma Koloni, apho ithathe imiphefumlo emithandathu (6).
Le ngozi yenzeke phakathi kweemoto ezimbini kufutshane nelali yaseQweqwe, ishiye abantu abathathu (3) bonzakele kakhulu. Bonke ababhubhileyo bangamadoda.
Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele iNelson Mandela Academic Hospital. Unobangela wale ngozi uyaphandwa.

