Umhla wesithandathu kuCanzibe kuMaspala wasekuhlaleni uMbhashe bekubanjwe umsitho womculo wokholo nalapho abantu abatsha abazimvumi kwakunye neemvumi ezidumileyo zithe zayinxalenye yalomsitho, nobuququzelelwa yiKhulisa youth development ibambisene noNolundi Bhomela.
Lomsitho ubukwiholo yecawa yase Wisile kwidolophu yaseDutywa igcwele ime ngeembambo. Abakwalizwi nabo bebekhona bezimase lendumase yomsitho, nenjongo zayo ikukukhulisa iidolophi ezisakhulayo kwanokuqoqosha uluntu kwizinto ezibakhupha endleleni eya empumelelweni.
Ukanti ongumseki weKhulisa youth development uLunathi Bhomela uye wabulela abahlali ngenkxaso yabo ekwathi intsusa yalomsitho kukukhulisa iimvumi zasekuhlaleni
Umseki wephephandaba iEC indaba nogama linguLisa Zono nongomnye wabo bathe bazimasa lomsitho ngenjongo zokukhuthaza ukutsha lwalommandla nanjengoko ngenyanga kaApril ebethe wasindleka umsitho wokuwonga abo bathe banegalelo ekuhlaleni ukuncedisa ukunciphisa izinga lokusetyenziswa kweziyobisi neziyinxalenye yokutshabalalisa ulutsha loMzantsi Afrika. Uthi lomsitho ubalulekile eluntwini kwaye imisitho enjena iyafuna ukuxhaswa.
UNolundi Bomela noyinzalelwane kukeDolophu yaseDutywa uthi, uyibone kuyimfuneko ukuba abuye eKapa azokwenza lomsitho ekhaya(Dutywa). “Kudala abantu bakuthi beyazi ukuba ndiyacula, oko bandibukela eTVini kodwa andikaze ndibuye khendenze into encumisayo nevuselela imbhongo kubantu bakuthi” utshilo
UBetusile Mcinga nobekulindeleke ukuba abekhona kulomsitho, uye akakwazi kuba ebeyokuwongwa kumsitho weMetro fm awards. Kodwa nangona kunjalo oogxa bakhe uMafa Bavuma, Butho Vuthela noninzi kwezolonwabo nomculo bebekhona ukonwabisa uluntu ngalomhla ubumkhulu kangaka.
Umtu ngumtu ngabantu.
Nonele Nkothana
06 Canzibe