18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Igwetywe izigwebo zobomi ezine indoda eshishina ngeziyobisi.

By Sinoxolo Mkongozeli.

Inkundla yengingqi yaseMdantsane igwebe uMonde Mzondi (36) izigwebo ezine zobomi ejele ngenxa yodlwengula kunye neminyaka emihlanu ngokuxhaphaza ngokwesondo kwabasetyhini ababini abaneminyaka elishumi elinethoba (19) namashumi amabini anesibini (22), kwiminyaka emithandathu eyadlulayo.

Amaxhoba amabini ahlala kwilali enye kwindawo yaseSiviwe ngaseQumrha, ebemazi uMzondi kwaye kwithuba elithile phambi kokwenziwa kolu lwaphulo-mthetho, wawacela ukuba amthengisele intsango, kodwa akavuma.

Ngenjikalanga yomhla wesithandathu (06) kweyoKwindla 2018, watsalela la mabhinqa mabini ekhayeni lakhe ngesizathu sokuba aye kuphuthuma ibhotile yebranti awayebathembise ngayo ngaphambili. Ukufika kwabo, watshixa ucango waza wabanyanzela abafazi ukuba bakhulule bahambe ze ngokupheleleyo. Emva koko wathatha unomyayi womnye wabo, wathatha imifanekiso yabo waza wabagrogrisa ngokusasaza kumakhasi onxibelelwano.

Ebagrogrisa ngemela, watyhalela aba bafazi kwigumbi lakhe lokulala apho wabadlwengula ephindaphinda umntu ngamnye. Wabadlwengula engakhange asebenzise khondom, emva koko wabanyanzela ukuba bahlambe amalungu abo angasese ngamanzi awaxube nomgubo omnyama awayebaxelele ukuba bazakususa ubungqina bolu dlwengulo.

Bengatyhafiswanga zizigrogriso zakhe, abamangali babini bakhawuleza baxelela iintsapho zabo ngengxaki yabo, nangona uMzondi wayefungile ukuba uza kwenzakalisa iintsapho zabo xa benokumxela.

Kwavulwa ityala emapoliseni ze aba bafazi babini baphuthunyiswa kwiziko iThuthuzela Care Centre (TCC) eMdantsane ukuze bafumane uncedo lwezempilo nempilo yengqondo, umtyholwa wabanjwa. Ngexesha letyala, waliphika ityala, ebanga ukuba omabini la mabhinqa ngamaqabane akhe aqhelekileyo awayeza kubahlawula ngamaxesha athile emva kokwabelana ngesondo nawo.

Nangona kunjalo, umtshutshisi wenkundla yenqila uPhillip Phoofolo ukhokele ubungqina babamangali ababini kwaye wangenisa iingxelo zonyango kunye neesampuli zeDNA ezathathwa kwi-TCC. Inkundla yakuchitha ukuzithethelela kukaMzondi njengento engenakwenzeka.

Ukugweba, umtshutshisi unikezele ngengxelo yempembelelo yexhoba, elungiselelwe ligosa lolungiselelo lwenkundla (CPO), edize ukuba amaxhoba anoloyiko olugqithisileyo ngoMzondi othathe ithuba lemvelaphi yawo ehlwempuzekileyo kwaye ebephulukene nentembelo kwinkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho ngenxa yexesha esele lithathiwe ukuba ityala liqukunjelwe.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uncome umtshutshisi, abasebenzi beTCC, iCPO kunye negosa eliphandayo ngelithi onke amatyala obundlobongela obuphathelele kwezesondo anyhasha amalungelo esidima nemfihlo yamaxhoba njengoko kubhaliwe kumgaqo-siseko wethu kungoko iNPA itshutshisa ngokungqongqo la matyala ajongene nabona bantu basesichengeni kuluntu lwethu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks