18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

INkundla isikhabile esinye isicelo sika-Omotoso nabanye.

By Lizeka Ndevu.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithe lalichasa ngempumelelo ilinge lamva nje likamvangeli uTimothy Omotoso (63) nabanye ababini atyholwa nabo uLusanda Sulani oneminyaka engamashumi amane ananye (41) ubudala, noZikiswa Sitho onamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala, lokuba babenobungqina obungenakuvunywa, besithi bufunyenwe ngokungekho mthethweni.

Inkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Kapa, eGqeberha, iwuxhasile uluvo lweNPA, ivumela ubungqina ukuba buchotshelwe kweli tyala. Lo mba uhlehlisiwe de kube ngomhla wethoba (09) kweyoMnga ka-2024, ukuze kuqhutyekwe phambili.

Esi sigqibo silandela izicelo zangaphambili zalomvangeli zamangenelo amahlanu akhethekileyo. Kuquka nesicelo esenziwe ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kaJanuwari 2024, apho umkhuseli enze isicelo sokuba ijaji iphinde iqwalasele isigwebo sakhe sangaphambili malunga nesicelo sokukhululwa ngokweCandelo le-174 loMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho.

Ngaphambili uJaji u-Irma Schoeman usikhabile isicelo sabo sokuba bakhululwe, kwaye urhulumente ukulungele ukuqhubeka nenkqubo eseleyo kweli tyala, nto leyo ethetha ukuba abamangalelwa bavakalise iingxoxo zabe ukenzela bazokutyabekwa imibuzo ngurhulumente. Esi sithathu sijongene namatyala angamashumi amathathu anesibini (32), aquka urhwaphilizo, ukurhweba ngabantu ngeenjongo zesondo, ukudlwengula, kunye nokuxhaphaza ngokwesondo.

Eli tyala libe nokulibaziseka okuninzi okoko kwabanjwa ummi waseNigeria, u-Omotoso, ngoAprili ka-2017. Oku kulibaziseka kwabangela ukuba amanye amangqina angasafuni ukuqhubeka nokunika ubungqina nanjengoko ebonisa ukuba sele eqhubekile nobomi bawo kwaye akanamdla wokufuna. ukubalisa amava abo enkundleni. Lo nto ikhokelele ekwehlisweni kwezityholo ukusuka ku-63.

UOmotoso owalelwa ibheyile ngelixa amakhosikazi amabini aseMzantsi Afrika abekwa ityala nawo engaphandle ngebheyile, yena ujongene namatyala angamashumi amathathu anesibini aquka ukurhwaphiliza, ukurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni, ukudlwengula, kunye nokuxhaphaza ngokwesondo. Kutyholwa ngelithi u-Omotoso, nobebizwa “njengendoda kaThixo”, yinkokeli yebandla iJesus Dominion International (JDI) kwaye abo atyholwa nabo babengabancedisi bakhe.

I-JDI ibinamasebe amakhulu eMzantsi Afrika, eNigeria, nase-Israel, iDurban ilikomkhulu layo kweli lizwe.

Abamangali isenokuba ngamabandla, abasebenzi okanye abantu abakhethelwe ukuthatha inxaxheba kwimisebenzi yecawe xa begaywe ngesizathu sokuba baya kungenelwa ngokomoya okanye baphucule umgangatho wobomi babo. U-Omotoso utyholwa ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo ngotyholwa kunye naye, wahlawula kwaye walungiselela ukuba abamangali baye kwihotele yakhe, eThekwini, Israel, okanye eNigeria.

Kodwa bakufika abamangali, u-Omotoso okanye abancedisi bakhe babeza kubazisa ngemithetho yendlu equka ukuba iiselfowuni zabo zicinywe okanye baxelelwe ukuba bangaqhagamshelani nabalingane abangamadoda kwaye balandele imiyalelo yakhe.

Abamangali kwakunye namanye amakholwa ecawe kutyholwa ukuba bebegcinwe kwigumbi elinye apho nabo balala khona. U-Omotoso utyholwa ngokukhetha omnye wabamangali ukuba baye kwigumbi lakhe labucala apho wamdlwengula okanye ukumxhaphaza ngokwesondo.

Urhulumente usazimisele ekuqinisekiseni ukuba eli tyala liyaqukunjelwa ngokukhawuleza ukuze amaxhoba afumane ubulungisa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks