IGwtywe udilika-jele indoda ngenxa yokudlwengula udade wayo.

By Asipile Kitchen. 

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Kapa, eMonti, igwebe indoda eneminyaka engamashumi amane anesibini (42) ubudala ejele ngokudlwengula udade wayo owayeneshumi elinesithathu (13) ubudala, nto leyo eyabangela ukuba akhulelwe.

Le ndoda, nengenakuchazwa ngegama ukukhusela ixhoba, yenza ulwaphulo-mthetho kwilali yaseNcerha kufutshane neKidds Beach kweyeNkanga 2023 nakweyoMqungu 2024.

Ixhoba elikwishumi elivisayo leminyaka lashiywa ngunina lineminyaka emithathu (3) ubudala, kunye namawele alo awayengaphantsi konyaka kulo, kumama womtyholwa ochongwe njengomama okhulisa ummangali kunye nabantwana bakowabo. Akamazi ukuba ngubani umama wakhe omzalayo kwaye umntu owamdlwengula wayemthatha njengomkhuluwa wakhe njengoko ekhulele phambi kwakhe kwindlu enye.

Kwinyanga yeSilimela ku-2024 intombazana encinci yakhalaza ngeentlungu zesisu kwaye umama wayo owamkhulisayo wamsa kweyona kliniki ikufutshane. Wothuka xa unesi emxelela ukuba le ntombazana ineenyanga ezintlanu ikhulelwe. Njengoko engumntu onomzimba omkhulu, umama owamkhulisayo akazange aqaphele tshintsho emzimbeni wakhe. Wabuzwa ukuba ngubani utata, wathi ngu “bhuti”, ebhekisa kunyana kamama omkhulisayo.

Kuzo zozibini iziganeko zodlwengulo le ndoda yanika intombazana encinci i-R10 yaza yamxelela ukuba angayixeli nakubani na. Ngenxa yodlwengulo, ngoku unomntwana oyinkwenkwe oneenyanga ezintandathu (6) ubudala.

Umtyholwa ulivumile ityala nanjengoko ubungqina bombuso, kunye neziphumo zeDNA zingqina ukuba unguyise womntwana. Umntwana ebekhe wabonwa eMdantsane Thuthuzela Care Centre (TCC), kwaye ukukhulelwa neenyanga zaqinisekiswa ngugqirha.

INkundla iyigwebe ubomi entolongweni le ndoda, nanjengoko iJaji ivumelene nesiphakamiso seGqwetha loMbuso uLuvuyo Vena sokuba nangona elivuma ityala akukho zizathu zibambekayo zithethelela nasiphi na isigwebo esilula, nanjengoko eli tyala lishiye inxeba eli sisigxina ngokwasengqondweni kummangali eliyakuthi limngcungcuthekise ubomi bakhe bonke nanjengoko lo mntwana uyakuhlala esisikhumbuzo ngesehlo sokudlwengulwa.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Kapa uBarry Madolo uncome umtshutshisi, abasebenzi beTCC kunye negosa lophando.

Umlo wokulwa nesibetho sobundlobongela obuphathelele kwezesondo uncediswe kukwandiswa kwenkqubo ye-TCC kwilizwe liphela, njengoko ibonelela ngeenkonzo ezibanzi nenkxaso kumaxhoba obundlobongela obuphathelele kwezesondo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA