By Nyameka Lamani.
Amalungu amathathu abandakanya ukuxhwilwa, abulewe ze amanye amathathu abanjwa eMpuma Koloni ngethuba kuhlangulwa ummi wase-Ethiopia, ngomhla weshumi kweyoMsintsi 2025.
Iphulo elilungelelanisiweyo elikhokelwa liqela elisebenzayo lokuxhwila iDPCI eMonti, lixhaswa liQela eliLandela umkhondo laseMonti kunye nobuNtlola boLwaphulo-mthetho kwiPhondo, phakathi kwezinye ii-arhente zogcino-mthetho, lithe lachitha eli qela lolwaphulo-mthetho linobundlobongela ngoLwesithathu.
Isithethi seHawk uLieutenant Colonel Avele Fumba uthi esi sehlo siqale kuhola wendlela uN2 kufuphi neFama yaseCarthcart phakathi kweQonce nePeddie ngethuba amaxhoba amabini etyhola ngokubekelwa umgibe yimoto emhlophe.
UFumba uthi abarhanelwa badubule kuqala, bakhubaza isithuthi samaxhoba kwaye bawanyanzela ukuba abalekele kumatyholo akufutshane.
“Elinye ixhoba laqhwesha ngelixa elinye lixhwilwa, ngomhla wesibhozo kweyoMsintsi 2025, abaqweqwedisi bafuna intlawulelo kusapho lwexhoba. Kuthe xa ixhoba lingakhululwa, iiHawks zaqinisa uphando lwazo.
UFumba uthi iiHawks ziye zagqogqa abarhanelwa.
“Kwindawo eyimfihlelo, abarhanelwa badubule kumapolisa, ihawks noogxa babo babuyisa imbumbulu bethomalalisa abarhanelwa abathathu abaxhobileyo, akukho mntu womthetho wonzakeleyo. Kufunyenwe imipu emithathu, iyonke yenza izixhobo ezihlanu ezithinjiweyo ezingekho mthethweni.
“Abarhanelwa ababanjiweyo baza kujongana nezityholo zokuxhwila, ukuzama ukubulala nokuba nemipu engenamphepha-mvume. Bazakuvela kwinkundla kaMantyi ePeddie ngoMvulo weshumi elinesihlanu kweyoMsintsi, utshilo uFumba.
INtloko yeeHawks ephondweni eMpuma Koloni uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ulincomile eli phulo.
“Eli phulo lithumela umyalezo ocacileyo nongagungqiyo wokuba izaphuli mthetho aziyikufumana indawo eMpuma Koloni, siza kubalandela, sijongane nabo kwaye siqhawule unxibelelwano lwabo ngokuchanekileyo nangamandla,” utshilo uFumba.

