IHawks zibambe umrhanelwa neziyobisi ezinexabiso le-R720 000, eMpuma Kapa.

By Asipile Kitchen.

I-South African Narcotics Enforcement Bureau (SANEB) ye-Hawks zaseMonti ibambe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala emva kokumfumana eneepilisi eziziyobisi ezingamawaka asithandathu (6000) ekurhaneleka ukuba zinexabiso elingangamakhulu lamawaka asixhenxe namawaka angamashumi amabini (R720 000) eerandi.

Kwingxelo, iHawks zithe umsebenzi wobuntlola gqinelwa uye waziswa ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesibhozo (29) kweyoMdumba 2025, emva kokufumana ingcebiso, ezazisa abasemagunyeni ngomrhanelwa othutha iziyobisi ukusuka eThekwini uyotsho eKapa ngebhasi.

Ekugqogqeni ibhegi yomrhanelwa, amapolisa afumene iphakeji entsundu ekrokrisayo, ekutyholwa ukuba yiyo ephethe amawaka eziyobisi.

Umrhanelwa ubanjwe kwangoko kwaye kulindeleke ukuba avele phambi kukaMantyi eNkundleni yamatyala yaseMonti ngomhla wesithathu (03) kweyoKwindla 2025, ujongene namatyala ayelelene nokuthubelezisa iziyobisi.

INtloko ye-Hawks zePhondo ilincomile eliqela ngokuqaphela nokuzibophelela kwalo ekubambiseni iziyobisi nokuqinisekisa ukuba abathubelezisi beziyobisi bajongana nengalo yomthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA