Ii-Arhente zogcino-mthetho kweli eziquka Inkozo yesipolisa, Ibhodi yotywala yePhondo leMpuma Koloni, amagosa ezendlela aseNgqushwa, Iintloli, uMasipala waseNgqushwa, kunye nezinye iiarhente zogcino -mthetho bagxalathelene ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeKhala, ukuzojonga abantu amangenazi mpepha-mvume kweli loMzantsi Afrika
Ezi-Arhente ngobambiswanwa zibambe amakhulu khulu abemi bangaphandle kwilali yaseCisira kwakunye nasedolophini eNgqushwa. Iingxelo zibonisa ukuba iimpahla okuquka kuzo iirhasi, ukutya kwakunye notywala zithe zathathwa ngabezothetho ngenxa yokungabikho mpepha-mvume zokuba nazo koosomashishini bamazwe angaphandle.
Kusenjalo iithetha ziqale ukubetha-bethana xa kugqogqwa indawo yokugcina impahla yomnye wosomashishini odumileyo wasedolophini eNgqushwa nonevenkile ezininzi kuquka nendawo yokuthengisa ukutya eyaziwa ngokuba kukwa Mei, nalapho kufunyenwe imipu emihlanu (5) ohlobo le pistol enye, imipu emifutshane emibini (2), i-R5 enye (1), Rifle enye (1) kunye nothotho lweembubulu ezingadizwanga inani lazo.
Ukanti usomashishini lo ukhuphe iimpepha-mvume zalemipu nethe ayahambelana nee nombolo-mbhalo zemipu, kusenjalo eminye imipu ihambelana ne licenses ezivele Bloemfontein kwiphondo naseFreyistatha.
Kusenjalo izimvo zehlukene phakathi xa amapolisa efuna ukumkhulula usomashishini lo logama kusaqhutywa uphando logama amapolisa angaphumi kuledolophu ebanga ngelithi usomashishini lo makaphoswe ngaapha kwezitshixo.
Ukanti losomashishini ophuma kwilizwe lasePakistani sithetha nje ngoku ubuyele kwindawo ahlala kuyo nangona amanye amapolisa ebetha ngengqindi phantsi esithi makalale ebaliwe.
Elinkqaku liyaqhubeka


