IiNatal Rich Boys zisayigcinile indawo yazo kwiDSTV Premiership.

Iqela likaMammila liphoxekile emva kokufumana isibhaxu eThekwini.

Iqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu Natal iRichards Bay ibuyele kwiDSTV Premiership emva komdlalo abathe bawuphumelela phezolo ngoLwesithathu umhla weshumi elinethoba (19) kweyeSilimela kumabala iKing Zwelithini.

IiNatal Rich Boys ibhaxabule Abakgakga ngamanqaku amane eqandeni (4-0) phezolo eThekwini ngethuba bedlala umdlalo wokugqibela wokuthotywa okanye ukunyuselwa.

Le mpumelelo yeliqela laseThekwini ithetha ukuba iBaroka FC nePretoria University zisezakuhlala kuMotsepe Foundation League.

AmaTuks abekwindawo yesibini (2) kuluhlu lamaqela eligi kwiMotsepe Foundation, yona iBaroka igqibe isizini ikwindawo yesithathu (3).

IRichards Bay igqibe ikwindawo yeshumi elinesihlanu (15) kuluhlu lweDSTV Premiership.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA