Iingozi zeziyunguma zisube imiphefumlo engaphaya kwamashumi asixhenxe eMpuma Koloni

Isebe lezendlela nothutho eMpuma Koloni lithi bangaphaya kwamashumi asixhenxe abantu ababhubhe ezindleleni ukusukela oko kuqale ixesha leziyunguma.

Nangona oonobangela bezi ziganeko behlukene, isebe limile ngelithi umgangatho weendlela zaseMpuma Koloni awunanxaxheba kwiingozi ezishicilelweyo kweli phondo.

Ukwanda kweengozi zendlela kunye nendyikityha yokufa kwabantu ngexesha leziyunguma kube yinto eqhelekileyo ukuqhubeka iminyaka, isebe lishicilele phantse umlinganiselo ofanayo wengozi ngeli xesha kunyaka ophelileyo.

Isithethi seli sebe u-Unathi Binqose uthi ukuntlithana kwezithuthi ngoyena nobangela wezingozi.

“Oyena nobangela wezi ngozi ibe ziimpazamo zabantu, amaxesha ngamaxesha besibalisa ngeengozi ezithe zasuba ubomi babantu. Ndithetha ukuthi izolo lodwa siye sanika ingxelo malunga neengozi ezimbini kwaye abantu abasithoba baphulukene nobomi babo kwezo ngozi kuphela. Ngokuqinisekileyo ayisoloko imalunga neemeko zendlela yaye ayibhekiseli kwimeko yesithuthi, kodwa imalunga nam nawe njengabasebenzisi bendlela.” utshilo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA