12.1 C
King William's Town
Friday, October 4, 2024

Zibe nefuthe elincumisayo iziphumo zogcino-mthetho ezemziwe kwisithili sase OR Tambo

Iinzame eziqhubekayo zamalungu alwa ulwaphulo-mthetho kwiSithili sase-OR Tambo, zokuqinisekisa ukuba uluntu luxhamla kwixesha leziyunguma ezikhuselekileyo ngokugxila ekuphelisweni kwemipu engekho mthethweni, ngokuqinisekileyo lubempumelelo nefuthe elihle kwesisithili.

Umsebenzi okhokelwe kubukrelekrele wahlawulwa xa indoda eneminyaka engama-35 ubudala yabanjwa nge-24 kaDisemba 2023 kwindawo yasePayne eMthatha ngenxa yokuba nompu ongena mpepha-mvume. Iqela leSithili sase-OR Tambo lasabela ngokukhawuleza kolu lwazi laza lambamba umrhanelwa ngalo mpu. Kuthe xa kukhangelwa indawo yakhe, kuthathwe iingxowa zentsangu ezilishumi elinanye (11).

Kwesinye isiganeko esingahambelaniyo, indoda eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu ubudala ibanjwe eMthatha Ultra City ngokufunyanwa nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.

Abanye abarhanelwa ababini babanjwa kwiziganeko ezahlukeneyo ngomhla wama-24 kweyoMnga ngo-2023 bephethe imipu engekho mthethweni. Indoda eneminyaka engama-51 ubudala yabanjwa ngakwindlela iLeeds emva kokuba imisiwe yakhangelwa ngamapolisa. Umpu ongenaphepha-mvume oyi-9mm onemagazini enye kunye neembumbulu zohluthiwe. Kusenjalo Indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu ubudala nayo yabanjwa xa isithuthi sayo samiswa kuNelson Mandela Drive ngentseni. Umpu we-9mm onenombolo yeserial ecikiweyo uye wathathwa. Uvalelwe ngesityholo sokuba nompu ongavumelekanga

Amapolisa kunye nee-arhente zogcino-mthetho nazo zibaxinzelele phantsi abaqhubi abathi ngokuphandle bangayihoyi inyalelo lokuthobela imithetho yendlela nabo abaqhuba phantsi kweempembelelo zotywala. Kumqobo wendlela owawubanjwe ngomhla wamashumi amabini anesine kweyoMnga ngo2023 eSecond Beach ngaseMpantu kwidolophu yase Sajonisi, balishumi elinesithandathu bebonke babanjelwe ukuqhuba benxilile. Kwakhona, kwangolo suku lunye, isipolisa sase Mounted Unit sabamba indoda eneminyaka engama-57 ubudala ngokuthengisa iziyobisi kwindawo yaseMthumbane ngaphandle kwasePort St Johns.

Bonke abarhanelwa balindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi eMthatha ngoLwesithathu, umhla wama-27 kweyoMnga ngowama-2023.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo uNjengele Phumzile Cetyana uziqhwabele izandla iinzame zeQela eliSebenzayo kunye namagosa asebupoliseni ngokuqonda nokuphaphela kwawo xa kuthethwa ngokupheliswa kwemipu neembumbulu ezingekho mthethweni. “Le mipu ikwizandla ezingalunganga iyakwazi ukwenza ubugebenga obumandundu nobundlobongela kuluntu lwesithili saseOR Tambo. Sibongoza uluntu ukuba luqhubeleke lunika amapolisa ulwazi ukuze kususwe abaphuli-mthetho nemipu ezitalatweni. Silumkisa abophuli mthetho ukuba amapolisa ethu akalali, kodwa asebenza nzima ukuqinisekisa ukhuseleko loluntu lwethu,” wongeze watsho uNjengele Cetyana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.1 ° C
12.1 °
12.1 °
88 %
2.7kmh
0 %
Fri
30 °
Sat
35 °
Sun
31 °
Mon
18 °
Tue
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks