By Esona Magawana
Intloko yeSebe lamaPolisa kaMasipala waseKurhuleni (EMPD) enqunyanyisiweyo, uJulius Mkhwanazi, wafumana imali emalunga namashumi asixhenxe amawaka eerandi (R70,000) kwingcaphephe yethenda, uVusimuzi “Cat” Matlala, kwinto eyachazwa yiKomishoni kaMadlanga njengentlawulo yolonwabo. Iingxelo zebhanki ezibonisa ukukhutshelwa kweemali ezinkulu kwiakhawunti kaMkhwanazi ezivela kwiinkampani ezintathu ezohlukeneyo zikaMatlala zithiwe thaca kule komishini ngoLwesine.
UMkhwanazi wazifumana ezi ntlawulo ngo-2022 kodwa uthi, eneneni, wafumana imali engaphezulu kwe R70k kuMatlala. UMkhwanazi umchaze uMatlala “njengomkhuluwa wegazi”, esithi bathandana kakhulu. Uthe uMatlala wayempha iimali ezinkulu “ngamaxesha anzima”.
UMkhwanazi ukwatyholwa ngokutyikitya izivumelwano ezibini zokuvumela ukhuseleko lwabucala lukaMatlala kunye nezithuthi zikaxakeka zonyango ukuba zifakelwe izibane eziblowu nezibomvu ngokulandelelanayo. Inkokeli yobungqina uAdvocate Mahlape Sello uchaze iintlawulo uMkhwanazi azifumene kuMatlala, nazibona njengentlawulo yolonwabo. Uthe, “Eyokuqala ihlawulwa yiCat Protection and Security Services (Pty) Ltd, umhla wokuhlawulwa yi-5 KuCanzibe 2022, isixa-mali esingama-R20,000. Owesibini ngowe-Medicare24 Tshwane District kwaye umhla yi-18 KweyeSilimela 2022 nge-R20,000.”
UMkhwanazi uvumile ukuba uzifumene ezi ntlawulo kuMatlala kodwa waphikisa ngelithi ebezifumana kuba uMatlala ebemncedisa nje “ngamaxesha anzima” hayi ngolwaphulo mthetho.

