Kubanjwe ababini ngezityholo zokuvelisa utywala bomgunyathi nokusasaza ngokungekho mthethweni eKhayelitsha

By Nyameka Lamani

Kwimisebenzi yokuqinisekisa ukhuseleko ngelixesha leeholide zeKrisimesi,amapolisa aseLingelethu athimbe utywala bomgunyathi kwindlela iSpine ze bafumana umzi-mvekiso ongekho mthethweni eLansdowne ngoLwesithathu umhla wesithathu(03) kweyoMnga ka 2025 eKapa.

Amapolisa aseLingelethu ebesenza iroadblock kwindlela iSpine apho amise khona isithuthi sehlobo lweHyundai I20 aqhuba ugqogqo kuyo ze afumana ibhokisi ezine zeOld Buck kwaye abantu ebebekhwele kwisithuthi kuye kwanzima ukunika impenduko ngendawo yentengiso yobutywala.

Uphando oluthe kratya lukhokele amalungu kwizakhiwo eLansdowne apho afumene umzi-mveliso wotywala ongekho mthethweni kunye nezixhobo zokuvelisa, iintlobo ngeentlobo zezincamathelisi zohlobo lotywala kunye nolwelo olungaziwayo.

Abarhanelwa babini abaneminyaka engamashimi mabini anesithandathu(26) kunye namashumi mathathu anethoba(39) ubudala bajongene nezityholo zokuvelisa nokusasaza utywala ngokungekho mthethweni. Bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseKhayelitsha xa sele bebekwe ityala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA