19.2 C
King William's Town
Tuesday, March 25, 2025

Kufunyenwe ilebhu yeziyobisi exabisa izigidi ezingamashumi asibhozo (R80 million) eRhawutini.

By Anita Qubula.

Amapolisa aseRhawutini abhaqe indawo yokwenza iziyobisi enamachiza kunye noomatshini bokulungisa abaxabisa imali eqikelelwa kumashumi asibhozo ezigidi zeerandi (R80 million) ngoLwesine.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Mavela Masondo uthi bebejonge kwaye bebeke esweni izenzo ezirhanelekayo kwisiza eDouglasdale kwaye baphumeza nencwadi egunyazisa ukugqogqa. Uthi imipu emibini engenampepha-mvume, iimbumbulu zodidi oluphezulu kunye nemipu eyikopi nazo zathinjwa ngelixa kubanjwe abantu ababini bamazwe angaphandle.

Abarhanelwa babanjiweyo kwaye bazakuvela phambi kweNkundla kaMantyi ngexesha elifanelekileyo bejongene namatyala aquka ukwenziwa kweziyobisi, ukuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume, nokuba nembumbulu.

Amapolisa aseRhawutini abhaqe iilebhu zeziyobisi ezingaphaya kweshumi (10) kwezi nyanga zintlanu (5) zidlulileyo.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Tommy Mthombeni uliqhwabele izandla iqela elifumanise indawo yokusebenzela iziyobisi. Uthe, obu bubungqina banele bokuba bangenelele ekuchongeni nasekuchitheni iilebhu zeziyobisi kwiphondo, ndiyazingca ngamalungu amapolisa athe asebenza ngenkuthalo ekuchongeni nasekuvale amaziko akhoyo ajongene neziyobisi kwiphondo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
87 %
2.7kmh
92 %
Tue
19 °
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
20 °
Sat
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks