18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

IDA ixhalabile ngobundlobongela obugquba kuMantla emimandla yaseGqeberha

Umbutho weDA eMpuma Koloni ukhuphe ingxelo ethi ukubulawa kwabantu abane kutsha nje kuMntla weGqeberha kuphinde kwaqaqambisa ukuba kufuneka ungenelelo olukhawulezileyo hayi iinkcko nje ezincinci zokuthetha nezithembiso ezingento ezenziwa nguMphathiswa upwamaPolisa okanye uMphathiswa wezoKhuseleko loLuntu.

I-DA iphawule yathi ngethuba ethethathethana noluntu lwakutsha nje kuMasipala oMbaxa uMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, wathembisa ngokusasaza abogcino-mthetho abaninzi emhlabeni kunye neengcali zokulwa ulwaphulo-mthetho eNelson Mandela Bay. Nangona kunjalo, izibophelelo ezinkulu zokulwa ulwaphulo-mthetho zenziwe kwixesha elidlulileyo mhlawumbi ebezingelongenelelo oluchanekileyo, okanye ezingaphunyezwanga ngokufanelekileyo.

Lengxelo ihambise yathi uMphathiswa ubhengeze ukuba amanye amapolisa angamakhulu amathathu anaye (301) asele ethunyelwe eNelson Mandela Bay. Ithi oku, nangona kunjalo, ayilongenelelo, njengoko kuyinxalenye yokusasazwa kwabasebenzi abalishumi lamawaka (10 000) ngonyaka kwinkonzo yesipolisa kwilizwe liphela, kwaye linani lamagosa awayesele abelwe kumaspala ombaxa waseNelson Mandela Bay.

“Isicwangciso sikaMphathiswa uMchunu sokubophelela amanye amagosa ezokhuselo kumasipala waseNelson Mandela Bay kwakunye neSebe lezoKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni lithe kratya ngumsi, nanjengoko ndifumene isiqinisekiso kuMphathiswa wezoKhuseleko loLuntu kweliphondo, uXolile Nqatha, sokuba akukho nto, imali efumaneka eNelson Mandela Bay, okanye iSebe loKhuseleko loLuntu lephondo ukuze liququzelele ukusasazwa kwamagosa ongezelelweyo” itshilo ingxelo ekhutshwe nguYusuf Cassim weDA kwingxelo yakhe.

Esithi izibophelelo ezenziwe nguMphathiswa ziphakamisa imibuzo emininzi kuneempendulo kwaye iPalamente ngoku kufuneka ingenelele kwaye izalisekise indima yayo yokongamela.

“Ndibhalele uSihlalo weKomiti yeSikhundla samaPolisa ePalamente, u-Ian Cameron iLungu lePalamente, ndimcela ukuba atyelele iMimandla eseMantla neNelson Mandela Bay ukuze enze uhlolo lokongamela ukuphunyezwa ngokubonakalayo kwezibophelelo ezenziweyo, nokuthetha noluntu ngeemfuno zabo zokhuseleko.”

“Uye waqinisekisa ukuba uyifumene ileta yam kwaye isicelo ngoku siya kuthunyelwa kusihlalo wezitulo ukuze kuqwalaselwe uhlolo lokongamela.” Utshilo

“Ngokweenkcukacha-manani zamapolisa, phakathi kuka-2021 no-2023, ngaphezu kwe-88% yalo lonke ubundlobongela bamaqela emigulukudu eNelson Mandela Bay lwenzeka kwimimandla ekuMntla. Iqela lamatshantliziyo abaphandi bolwaphulo-mthetho kwimimandla esemantla, abangaziwayo ngenxa yokoyika impindezelo, badize kwi-DA ukuba bamalunga newaka (1000) labahlali baseMantla ababulewe ukusukela ngo-2019.

Kusenjalo ulwaphulo-mthetho luyakhula ngaphandle kolawulo kwaye ukuthotyelwa komthetho kukodwa akunako ukuphumelela kumlo ochasene nemigulukudu kunye nolwaphulo-mthetho olunobundlobongela – indlela yoluleko ekhokelwa yiPalamente iyafuneka ukulwa nesi sibetho.

I-DA ithi izakuqhuba nedabi lokuhlangula abantu baseMntla naseNelson Mandela Bay kubugebenga nolwaphulo-mthetho olunobundlobongela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks