By Siyakholwa Vuso.
Umbutho weeteksi uyaphika ukuba le leta ivela kubo.
Ileta egrogrisa abaqhubi bezithuthi zabafundi ukuba bangabakhwelisi abantwana eMasiphumelele, eFish Hoek ukusuka kwinyanga ezayo ibangele unxunguphalo kubaqhubi besikolo nakubazali.
Ileta, yomhla weshumi elinesithathu (13) ku-Agasti 2024, ikwiletahedi yoMbutho weeteksi oManyeneyo waseCape Amalgamated Taxi Association (CATA) kwisebe laseMasiphumelele. Le leta ibandakanya iinombolo zoqhagamshelwano zamalungu amabini ekomiti yesigqeba.
Ithi abaqhubi bezithuthi zabafundi mabayeke ukukhwelisa abafundi abangaphezulu kweminyaka elishumi elinanye (11) phakathi evekini, kwaye ngeempelaveki kufuneka basebenze eMasiphumelele kuphela.
Kodwa isebe lezoThutho eNtshona Koloni lithe bathethathethana nesebe laseMasiphumelele leCATA kwaye banethemba lokuba lo mba uza kusonjululwa ngomhla obekiweyo weleta.
Nangona kunjalo, iSouth African National Taxi Council (SANTACO) ithi iyiphandile imvelaphi yale leta kwaye isebe laseMasiphumelele CATA liyakhanyela ukuba libhale kwaye lasasaze loo leta.
Isithethi seSANTACO eNtshona Koloni uMakhosandile Tumana uxelele uthe ukuba umbutho “ungathanda ukucela uxolo kubazali babantwana besikolo abachaphazelekileyo”.
“Iqela le-CATA, kwakunye nathi, besingayazi le leta ijikelezayo kwaye asizikhuthazi ezo leta. Ngalo mba, sifikelele kumongameli weCATA malunga nalo mba,” utshilo uTumana.
Usihlalo weSANTACO eNtshona Koloni uMandla Hermanus uthe umbutho ufumene imibuzo emininzi malunga nale leta.
“Njenge-SANTACO, sidibene ne-CATA Regional Taxi Council ukuze siqinisekise ubunyani bale leta. Siphinde sathetha nosihlalo wombutho wamabanga aphantsi eMasiphumelele, oqinisekise iSANTACO eNtshona Koloni ukuba akukho nyani kokubhalwe kwileta esasaziweyo,” utshilo uHermanus.
Sazama kabini ukuqhagamshelana neenombolo ezisecaleni kwabo batyikityileyo, uV Manishi noM Gazi, kule leta. Kodwa akukho mntu uthe waphendula.