UMasipala waseMzimvubu unikezele ngoku sesikweni izindlu ze-RDP ezingamakhulu amathathu namashumi amathandathu anesibini (362) phantsi kukawadi 26 EMaxesibeni kwilali i-Cabazana eyaziwa ngobaseZinkawini.
Ono kontraka abanintsi basebenze ngoku bambisana ukutshintsha impilo zabahlali baseZinkawini eMaxesibeni emva kweminyaka behlala ezindlini ezidilikayo.
Omnye wamalungu ekomiti uAsanda Njombini uthe “Kudala sisokola sihlala kwizakhiwo eziwayo, le projekthi izise utshintsho kwaye ibuyise nesidima kumakhaya ethu.”
Kanti leProjekthi ivule amathuba emisebenzi kulutsha kanye nabahlali baseZinkaweni bafumana ingqesho yokusebenzela ezi projekthi.
UNovuyiso Jabavu uthe unovuyo kakhulu kwaye iimpilo zabo zizakutshintsha, baphume ezindlini zodaka namakhuni.
ULungisa (70) owazalelwa wakhulela kule ndawo ehlala nabantwana bakhe abathathu abasaphume kuyozama impilo ezidolophini, ubehlala endlin enye ewayo engenwa ngamanzi xakunethayo eziphilisa ngemali yesibonelelo sikarhulumente.
ULungisa uthe “Ndizokutsho ndibene ndawo efudumeleyo yokufihla intloko ndibenalo nebhongo lokukhomba uba ndihlalaphi xa ndibuzwa ngabantu.
By Ongeziwe Ntondini.



