IMpuma Koloni inciphisa ukubhubha kwabantu ezindleleni ngexesha leeholide

Iphondo leMpuma Koloni kuphela kwephondo elikwazileyo ukugqithela ngaphaya koko bekujoliswe kuko ekunciphiseni ukubhubha kwabantu ezindleleni ngo-18.6%.

Oku kubhalwe nguMphathiswa wezoThutho uSindisiwe Chikunga, othe kuzwelonke abantu abayi-1184 baphulukene nabo ngexesha leziyunguma ezidlulileyo, ukwehla nge-2.3%.

Unikeze ngohlaziyo lweenkcukacha-manani zendlela kwixesha leziyunguma ngoLwesithathu.

UChikunga ubalule ukwehla kwezinga lokubhubha kwabantu ezindleleni zeMpuma Koloni kodwa wathi umntu omnye obanjelwe ukusela utywala nokuqhuba kufutshane naseGcuwa, ngoyena mntu usele utywala ngokugqithisileyo.

“Umqhubi ubenomlinganiselo wotywala obuyi-2.48 mg kwi-1000 ml yegazi, nto leyo egqitha kumlinganiselo we-0.24 ml yotywala,” utshilo.

Isithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni u-Unathi Binqose uyamkele ingxelo-manani ephondweni.

“Sikhuthazekile zizinto ezivezwe ngumphathiswa kwaye impumelelo ingayanyaniswa nomsebenzi onzima esiwenzayo ngelixesha leeholide zehlobo, sizakuyithatha le nto siyisebenzise njengesiseko xa sijonge kwiphulo leEaster Arrive Alive Campaign. kunye nesizini ezayo yeziyunguma.”

UChikunga uthi, ixesha leziyunguma liphawulwe ziimvula ezinkulu nezivunguvungu ezidale imicelimngeni endleleni, nto leyo eyabalula iingozi ngenxa yemozulu embi.

“Sibone kwiziganeko ezimbalwa Kwazulu Natal, sigxininise ekuqhubeni phezu kweebhulorho ezigcwele amanzi okukhokelela kwintlekele xa izithuthi zikhukulisekile,” wongeze watsho.

UChikunga uthe xa bejongisisa iingozi kwakunye nokubhubha kwabantu kwixesha leziyunguma ezidlulileyo kufumanise ukuba uninzi lwengozi zenzeke kwiveki yokuqala, yesithathu, neyesine kweyoMnga. Ude athi iingozi zeveki yokuqala zibangelwe ziibhonasi zokuphela konyaka namatheko abasebenzi.

“Iveki yesithathu ibandakanye impelaveki ende, ukuvalwa kwamashishini kwaye abantu baqala ukuhamba ngelixa iveki yesine ibandakanya impelaveki ende yeKrisimesi kwaye yabona ukwanda okukhulu kwimiqulu yezithuthi kunye nemibhiyozo.”

Ujongo kwiingozi kunye ngokubhubha kwabantu kukwaveze ukuba uninzi lwengozi zenzeke phakathi kwentsimbi ye-19:00 kunye ne-22:00 kwaye uninzi lwabantu ababhubhileyo lushicilelwe ngeCawe.

UChikunga ukwathe umyinge wamashumi amane eepesenti ekhulwini abantu abathe baphulukana nobomi babo ezindleleni ngabahambi ngeenyawo abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amane anesine.

Nantsi indlela izibalo zelinye iphondo ezijongeka ngayo:

Ucazululo lokubhubha kwabantu kwiphondo luhamba ngolu hlobo lulandelayo:

IFreyistata ishicilele ukuhla ngo-27.4 5%.

IMpuma Koloni ibonakalise ukuhla ngo-21.5%.

UMntla Koloni uphawule ukuhla ngo-15.7%.

ILimpopo irekhode ukuhla nge-8.4%.

UMntla Ntshona urekhode ukuhla nge-2.1%.

Iphondo laseGauteng libhale ukunyuka nge-7.6%.

IKwaZulu Natal ibhale ukunyuka nge-4.2%.

IMpumalanga ibhale ukunyuka nge-9.7%,

INtshona Koloni irekhode ukunyuka kwama-22.6%.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA