IMvumi yoMculo weRap, uYxng Vision, ulwa nemizabalazo yoBomi ngomculo.

By Sophumelela Singqota.

ULamla Emmanuel Chabeni, owaziwa ngokuba nguYxng Vision, ukhuphe ushicilelo lweMixtape yakhe yokuqala ebizwa “I AM VISION”. UYxng Vision ligcisa lomculo, umdidiyeli kunye nombhali weengoma osuka kwidolophu encinci yakwaMaqoma, eMzantsi Afrika.

Le mixtape ikhutshwe ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyeKhala 2025 kwaye yakhawuleza yatsala umdla wabaphulaphuli kwidolophu yakowabo naseMonti. Nangona kunjalo, uhambo lomculo lukaYxng Vision lwaqala kwiminyaka emininzi eyadlulayo.

Emva kokubhujelwa nguyise eneminyaka elithoba (9) ubuncinci, wahamba nonina baya kwilali yaseEmhlangeni ngaseSeymour. Ngaloo maxesha anzima, wakufumanisa kunzima ukuthetha ngeemvakalelo zakhe.

Umfanekiso: IMvumi yoMculo weRap, uLamla Emmanuel Chabeni, owaziwa ngokuba nguYxng Vision.

Ngexesha wayesesikolweni, uYxng Vision wabona abo wayefunda nabo besenza lo mculo we-Rap waza wagqiba kwelokuba naye ayizame. Ekunye nabahlobo bakhe, waqalisa ukurekhoda esebenzisa iiselfowuni ezimbini kuphela ukuze adlale iingoma yaye enye irekhoda amazwi abo. Ngokuhamba kwexesha, ukwenza umculo kwaba yindlela yokuba abelane ngebali lakhe kunye neemvakalelo zakhe.

Ngo-2014, uYxng Vision kunye nabahlobo bakhe baqala ukuthatha umculo ngokubaluleke ngakumbi. Kodwa ekuhambeni kwexesha, abahlobo bakhe bakhetha imisebenzi eyahlukeneyo, beshiya uYxng Vision eqhubeka yedwa. Lo mculi ukhuthazwa ngumdidiyeli ophume iizandla, okwanawo namawonga, uZoocci Coke Dope.

Wayefuna ukuvelisa nokurekhoda umculo wakhe ngokunokwakhe.

Eli cwecwe lithi “I AM VISION” liquka intsebenziswano namagcisa aziwayo aseMonti uLixxKunene, Excess SA, kunye noNombila. UYxng Vision unebhongo ngakumbi ngeengoma 4, 7, 9, 10, kunye neye-13, kuba zibonisa ukukhula kwakhe kunye nomzabalazo wobomi njengegcisa nanjengomntu.

Eli cwecwe libalisa ibali lomculi omncinci osebenza nzima ukufumana indawo yakhe kwihlabathi lomculo.

Umfanekiso: IMvumi yoMculo weRap, uLamla Emmanuel Chabeni, owaziwa ngokuba nguYxng Vision.

Ukholelwa ukuba umthandazo, ukunyamezela, nokuzimisela kwamnceda wade wafikelela kuleminyaka akuyo ngoku. Unombulelo ngenkxaso yedolophu yakowabo kunye nabaphulaphuli abatsha eMonti. UYxng Vision uceba ukukhulula iividiyo zomculo ezikumgangatho ophezulu kwaye zenze ngakumbi njengoko imixtape yakhe ifumana ukuqatshelwa ngakumbi.

“Inyathelo lam elilandelayo liza kumiselwa yile mixtape, kungenjalo ndijonge phambili kwaye ndiya kuhlala ndinomculo omtsha kubalandeli bam”.

UYxng Vision ukhuthaza abantu ukuba babambelele kumaphupha abo, basebenze nzima, kwaye bathathe amathuba xa bewafumana. Unethemba lokuba ibali lakhe likhuthaza abanye ukuba balandele ukuthanda kwabo, nokuba yeyiphi imingeni abajongene nayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA