Uphando lweThaveni iEnyobeni lusaqhubeka kwinkundla yengingqi yaseMdantsane kule veki.

By Esona Magawana.

INtloko yoMlilo kuMasipala waseBuffalo City, uThembile Thompson, ungqinile ukuba iSebe loMlilo alizange liyihlole indawo yeNtselo iEnyobeni kuba abanini bayo bengazange bafake izicelo zokufumana iziqinisekiso zokuthobela imithetho, kwaye le ndawo bekungamelanga ukuba isebenze njengethaveni kwasekuqaleni.

Ngokwengxelo yephepha-ndaba iDaily Dispatch, iNtloko yoMlilo kuMasipala waseBuffalo City, uThembile Thompson ebenikeza ubungqina kwinkundla yengingqi yaseMdantsane kuphando malunga nokubhubha kolutsha olungamashumi amabini ananye (21) eScenery Park, eMonti, ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela ngo2022.

Uphando lujonge ukufumana nabani na ekufuneka ebekwe ityala lolwaphulo-mthetho.

IGqala loMcimi-Mlilo elisebenze ukususela ngo-1985 nelalibambe isikhundla sokuba ligosa eliyintloko lomlilo ukususela ngo-2011, uThompson wathi: “Andizange ndikhe ndehlelwe yintlekele enje kuyo yonke iminyaka yam yokusebenza.”

Uthe xa etyelele kule ndawo kusuku olulandela le ntlekele waqaphela ukuba esa sakhiwo asifanelekanga ukuba sisetyenziswe njengethaveni.

“Kwakungekho zimpawu zokucima umlilo, iimpawu zokuphuma ngokukhawuleza, iimpawu zendibano okanye izicima-mlilo. Umnyango omkhulu wavulwa ngaphakathi, ochasene nemithetho yokhuseleko lomlilo,” watsho. “Ngokwamava am, yayiyindlu eqhelekileyo yokuhlala. Into eyothusayo kukubona ijenereyitha ngaphakathi kwindlu eyayifanele ukuhlalisa abantu abangamashumi amabini (20), kuquka nomgangatho ophezulu.”

Uqinisekisile ukuba isebe lomlilo leBCM laqala ukusebenza ngokusondeleyo kunye nebhodi yotywala emva kwentlekele kwaye iindawo zokusela ezingahambelani nemigangatho yokukhusela umlilo zivaliwe.

“Iithaveni ezininzi zilandela inkqubo. Iithaveni ezingafikeleliyo kwiimfuno ziyavalwa.” Ecinezelwe ngakumbi, uThompson wavuma ukuba intsebenziswano esondeleyo nebhodi yotywala yayiqale emva kwale ntlekele kodwa wagxininisa esithi: “Kumele ibe nguwe ohlangabezana neemfuno.”

Enika ubungqina bakhe, uNdevu uvumile ukuba akayazi ukuba bangaphi abantu abanokuhlala ngokukhuselekileyo kule ndawo. “Bendilindele abantu abangamashumi amabini (20) kuso sonke eso siganeko [ngobusuku bentlekele].”

Ukwathe wathuma abasebenzi ukuba baqinisekise ukhuseleko lwabathengi kwaye babambelele kwelokuba iphepha-mvume lakhe likhutshwe ngokuchanekileyo emva kokukhatywa okokuqala yibhodi yotywala.

“Xa umntu efaka isicelo sephepha-mvume, loo mntu akazi nto. Umntu omncedisayo ngephepha-mvume kufuneka acebise ngento ekufuneka yenziwe ukuze athobele.”

Uphando luyaqhubeka kule veki.

Daily Dispatch.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA