Inani labantu ababhubhe ngenxa yezikhukula eMpuma Koloni lonyuke laya kutsho kwishumi (10).

Iphepha-ndaba iIndependent Online lithi, amapolisa aseGqeberha balishumi (10) bebonke abantu ekwaziwa ukuba babhubhe okanye barhaxwe zimpuphuma zamva nje kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseMpuma Koloni uColonel Priscilla Naidu ngomhla wokuqala kweyeSilimela, izaqhwithi ezimandla kunye neemvula ezinamandla zaantlitha de zadala umonakalo omkhulu kwiindawo ezininzi zomasipala ombaxa ingakumbi Kwanobuhle, Kariega, Walmer, Blue Horizon Bay naseKamesh.

“Kwanobuhle kufunyenwe abantu abane ababhubhileyo. Kanti eKamesh, eKabega Park, eChatty kunye naseWalmer kubhubhe umntu ngamnye kwezi ndawo, kanti eKariega kubhubhe wamnye.

Kanti izolo ngomhla wangeCawa (09 kweyeSilimela) umzimba wexhoba leshumi, ongowasetyhini ebekuxelwe ukuba ulahlekile eKariega, ufunyenwe emva kwemini ngeCawe kunxweme lomlambo iSwartkops kwisitalato iCuyler.

“Ixhoba laduka kunye nomhlobo walo ngethuba imoto yabo ikhukuliseka ngomhla wokuqala kweyeSilimela, eKariega. Imoto nayo ifunyenwe intywiliseke emanzini.”

UNaidu uthe iidokethi zophando zivuliwe ngazo zonke ezi ziganako.

“Ukukhangela abantu abangekachazwa kuyaqhutywa ngamaCandelo eK9 eSAPS okukhangela nokuHlangula..”

NgoLwesihlanu, umongameli uCyril Ramaphosa utyelele amaxhoba ezikhukhula kweli phondo.

Umongameli weZwe uthe, “Nangona sisazi ukuba ubusika bunganzima, kodwa kubuhlungu xa siphulukene nabantu esibathandayo nokujongana nenkxwaleko ngendlela esibone ngayo eNtshona Koloni, eMpuma Koloni naKwaZulu-Natal.

“Ngeli xesha linzima, abasemagunyeni kuzwelonke nakumaphondo, kwakunye nemibutho yoluntu, basebenza ngokuzimisela ukunceda uluntu oluchaphazelekileyo ngenkxaso efuneka kakhulu ekhawulezileyo, nenkxaso yengqondo kunye noncedo loluntu,” utshilo uRamaphosa.

Uthe uncedo lwezemali linyathelo lokuqala elisingise kumsebenzi onzima wokwakha ngokutsha ubomi babantu, amakhaya, amashishini, kunye neziseko zoluntu kulandela iintlekele ezinje.

URamaphosa uqhube wathi urhulumente uzakwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba inkqubo yokubuyisela immo yoluntu iyahlangabezana neemfuno zabemi kwaye ivumele uhlaziyo lweendawo ezichaphazelekileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA