Inani labantu ababhubhileyo ekudilikeni kwesakhiwo eGeorge lenyuke laya kutsho kwisibhozo.

Inani labantu ababhubhileyo ekudilikeni kwesakhiwo eGeorge lenyuke laya kutsho kwisibhozo.

Abasemagunyeni bakamasipala bathi umsebenzi wokuhlangula ngobusuku usaqhubeka kwindawo yesakhiwo esidilikileyo. Amaqela oNcedo lokuQala ngexesha likaxakeka azakusebenzisa oomatshini abakhulu bekhonkrithi kunye neelori ezongezelelweyo ukususa ubugoxo bezakhiwo kwisiza.

Oku ngeenzame zokukhulula abasebenzi abasavalelweyo. Esi sehlo senzeke emva kwemini ngoMvulo.
Abasebenzi bakaxakeka basasebenza kwindawo enezixhobo ezahlukeneyo, kwakunye nezinja ukujoja imizimba.

Isithethi sikamasipala waseGeorge, uNtobeko Mangqwengqwe uthe amaxhoba afunyenweyo angamashumi amathathu anesithandathu (36). Ukwathe ngabantu abasixhenxe (7) ababhubhileyo kwaye abantu abalishumi elinesithandathu (16) bakwimeko emaxongo, izigulana ezithandathu eziphantsi kwemeko emaxongo kunye nabasixhenxe abanomonzakalo omncinci.

Unokontraka ngoku uqinisekisile ukuba inani labasebenzi kwisiza ngexesha lokudilika belingamashumi asibhozo nanye (81).

Kusenjalo, iCOSATU eNtshona Koloni imemelela ukuba kwenziwe uphando olunzulu malunga nokudilika kwesi sakhiwo.

Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA