INdlu yowiso-mthetho ityelela iiikumkani zePhondo

USekela Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane, utyelele iiKumkani zaseMpuma Koloni namaBhunga emveli nanjengoko evala isihlandlo sesithandathu kule ndlu yowiso-mthetho.

Utyelelo lwabo kwezi Komkhulu luyinxalenye yothethathethwano nabachaphazelekayo kwincoko kunye noxanduva lokuphendula, oluqalwe ngamagosa aphetheyo ekuqaleni kwekota yesithandathu.

UQoboshiyane ungqinile ukuba batyelele ubuKumkani baAmaxhosa eNqadu Great Place, Nyandeni Great Place, Abathembu Kingdom eNkululekweni, Mthatha, Amampondomise kuQumbu, Abathembu base Ntshona eCofimvaba, kunye nobukumkani baseAmarharhabe eMngqesha.

Uthe bakungena kwindlu yowiso-mthetho ngo-2019, bazityelela zonke ezi ndawo, besebenzisana nabo beqinisa uvelwano, lokusebenza kunye nabo.

“Ekubeni ngoku siza kuhamba, kufuneka siphinde size sibabulele ngokusebenzisana nathi. Siye saqaphela ukuba mininzi imiceli mngeni abajongene nayo kwiiNdawo zekomKhulu, nakwiindawo esihlala kuzo.

“Umba womhlaba yenye yeengxaki ezinkulu. Njengepalamente, umgaqo-siseko usinike amagunya okwenza imithetho namagunya.

“Kufuneka siqinisekise ukuba uthatho nxaxheba loluntu luyaqhubeka, sitsho kanye into efunwa ngabantu, kwaye yintoni ebaxininisayo,” utshilo uQoboshiyane.

Ngokokutsho kwakhe, ngethuba betyelele iNqadu Great Place, uKumkani uAhlangene Sigcau uwuphakamise lo mba womhlaba njengenye yeengxaki ezinkulu, esithi azisekho iindima ezidlalwa ziinkosi; kungoko abantu besenza unothanda xa kufikelelwa kumhlaba.

Uthi ukwayiphakamisile ingxaki yolwaphulo-mthetho oluphezulu kwimimandla, iziyobisi notywala.

“Beze neengcebiso zabo, nabacinga ukuba kufuneka beze notshintsho ukuba urhulumente angasebenzisana nabo. Bakwathe omnye umcelimngeni zizixhobo zorhwebo, kuba abanazo izixhobo ezaneleyo; nokuba bayayibona imfuneko yokuxela into emapoliseni, kunzima kubo ukuyenza loo nto.

“Bathi urhulumente kufuneka aqinise imithetho ukuba bafuna ukwenza uxolo kwiindawo.”

UQoboshiyane wongeze ngelithi imali yokhuseleko yenye yeengxaki, kuba izakwenza izinto zibenzima kwabo bafuna ukuvula amathuba emisebenzi kwabanye, kuba kufuneka bahlawule le mali.

Ethetha neNyandeni Great Place, uthe bazakujonga imiba eyaphakanyiswa ziinkosi zemveli noNdamase. Uthe bazakuthumela abanye kumasebe achaphazelekayo.

“Ngokwenza oku ilizwe lethu alisayi kuyeka ukuba neenkokheli zemveli neekumkani; siyithatha nzulu le miba kwaye siza kuqinisekisa ukuba abo baza kulandela emva kwethu bayayisombulula.”

UNdamase waseNyandeni Kingdom, uthi baluvuyele utyelelo lwabo.

Ukwaveze imingeni abajongene nayo ecela urhulumente ukuba angenelele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
18.9 ° C
18.9 °
18.9 °
73 %
2kmh
31 %
Fri
34 °
Sat
25 °
Sun
24 °
Mon
28 °
Tue
31 °

EZITHANDWAYO INDABA