Kukholeleka ukuba umrhanelwa umke kwikhaya lakhe kwiveki ephelileyo waze waxelela unkosikazi wakhe ukuba akazukubuyela ekhaya kwaye angawabandakanyi namapolisa alinde eminye imiyalelo.
Emva koko inkosikazi yaxelela amapolisa kwaza kwafunwa intlawulo yewaka lamashumi amathandathu eerandi.
Isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni, uKapteni Yolisa Mgolodela, uthi i-Yunithi yoPhando loLwaphulo-mthetho oluNxibeleleneyo kunye nabecuphi bezobuntlola baseKariega basebenze kunye ukubamba umrhanelwa.
Ubanjwe ngoMgqibelo kumzala wakhe eKariega apho ebezimele phantsi kweepalethi zomthi.
“INtloko yePhondo uMajor General Mboiki Ngwenya usigxeke kanobom isenzo esikhohlakeleyo esinje nanjengoko isisiphazamisi kumatyala okwenene ajongwa ziiHawks,” utshilo uMgolodela.
IAlgoa FM ibikhe yabika ngokuxhwilwa kwabantu abaninzi esixekweni ukusukela ekuqaleni konyaka, olona lwamva nje lukwiveki ezimbini ezidlulileyo.
Usomashishini uLu Xiao ufunyenwe eMissionvale kwiveki ephelileyo.
Kwinyanga ephelileyo, usomashishini waseKariega waxhwilwa ngaphandle kwendlu yakhe ngelixa u-Neal Ah Tow naye waxhwilwa kwindawo yakhe yokuloba eSidwell.
Ekuqaleni kwale nyanga, umama nonyana wakhe baye babandakanyeka kolunye uqweqwediso edolophini.
By: Siyakholwa Vuso