Mnye obhubhileyo logama bebathandathu abonzakeleyo kwingozi yemoto eyenzeke kuhola wendlela uN2 eGqeberha izolo.
Lengozi yenzeke izolo umhla we(20 January 2022 apho kuthe kwabhubha umntu omnye (oyindoda) ze abahlanu abonzakeleyo babalekiselwa esibhedlele kulandela ukuntlitheka kweemoto ezintathu kuhola wendlela uN2 kufutshane neBaywest ngokuhlwa. Lo ubhubhileyo ngelishwa ubhubhe ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo.
Ngokwengxelo yangaphambili, malunga nentsimbi yeshuhlanu(17:00) emva kwemini, iveni ebinabakhweli aba(6) kunye ne(Silver KIA Rio) ebinababini kunye neMazda 3 ebomvu ikhwele umqhubi babandakanyeke kulengozi imbi. Okwangoku, iimeko ezijikeleze ingozi azikaqinisekiswa nanjengoko uphando lusaqhuba.
Bonke abonzakeleyo bebephuma kwiveni. Abantu abakwezinye iimoto ezimbini khange bafumane konzakala.
Abacuphi be-SAPS Kabega Park baphanda ityala lokubulala ngokungenanjongo. Kucelwa nabani na okhe wayibukela lengozi ukuba atsalele umnxeba i-SAPS Kabega Park ku-041 397 6802 ukuze kucace oyena nobangela.



