Ingozi emasikizi eDutywa nebulale abantu abane(4)

Ngabantu abane(4) abaphulukene nobomi babo logama abasixhenxe(7) bonzakele kwingozi yemoto emva kokuba umqhubi ethe waphulukana nolawulo lwesithithi sakhe ze yabhukuqa kwindlela yegrabile eSundwana, ngaseXhalanga eDutywa.

Esi sehlo senzeke ngoMgqibelo umhla we(06.05.2023) emva kwemini. Lengozi yeyemoto yohlobo lwe(Toyota bakkie) nebinabantu abalishumi elinanye ibisuka(11) eDutywa isiya kwindawo yaseSundwana kukhwele amagqirha.

Umqhubi uphulukena nolawulo ze sabhukuqa. Abantu abane(4) ababekhwele kwisithuthi babhengeze ukuba babhubhile kwindawo yexhwayelo bonke ingamadoda.

Abasixhenxe abonzakeleyo kuquka nomqhubi bonzakele kakhulu ze basiwa kwisibhedlele saseGcuwa ukuze bafumane unyango oluthe kratya.

Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko indawo isephantsi kophando ukuze kuqondwe oyena nobangela wengozi.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livulwe kwamapolisa eDutywa ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
22 ° C
22 °
22 °
52 %
2kmh
61 %
Tue
21 °
Wed
21 °
Thu
28 °
Fri
31 °
Sat
25 °

EZITHANDWAYO INDABA