I-African National Congress (ANC) eMpuma Koloni ithi iphawula ngenkxalabo enkulu kwaye igxeka ukupapashwa kwenqaku elingeyonyani nelikhohlisayo yi-The Citizen media house ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoKwindla ka-2026. Eli nqaku lixoka ngelithi iNkundla ePhakamileyo yaseMpuma Koloni iyithintele ingqungquthela yokhetho ye-ANC, ikhankanya isigqibo esingekhoyo kwisicelo esingxamisekileyo samalungu amathathu aphikisana nengxelo yokuqinisekisa kunye nokungabandakanywa kwamasebe.
Ingxelo ye ANC eMpuma Koloni ithi inyani yile yokuba le nyewe yaviwa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoKwindla ka-2026 kwaye omabini amagqwetha ezomthetho bamaqela omabini baziswa kwaye ijaji yagqiba ekubeni irhoxise isigwebo kwaye isikhulule ngoLwesine umhla umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) malunga necala emva kwentsimbi yeshumi elinanye (11:30). I-ANC ithi yothukile kwaye inomsindo ngobu buxoki, eyithi bucacile kunye nokugqwethwa okukhulu kweenyaniso yi-Citizen Media. I-ANC ikwathe kwingxelo yayo yaqhagamshelana nentatheli kwaye wala ukutyhila apho ulwazi olunjalo luvela khona, kunye nokurhoxisa eli nqaku, ikhankanya ukuba umhleli wayo uyala. Olu shicilelo i-ANC ithi lubonakalisa ukuziphatha okungekho sikweni kwaye i-ANC iya kuhlola iindlela zayo zokufuna indlela efanelekileyo.
I-ANC yasichasa esi sicelo kwaye iqinisekile ngesigqibo esiya kuxhasa umbutho. Bathi bagxeka ngamandla ubuntatheli obungenankathalo nobungenasimilo obuboniswe kweli phephandaba. I-ANC ithi ayizukushukunyiswa bububi obunjalo kwaye ibongoza uluntu ukuba lungayinaki le ngxelo ingekhoyo.
I-ANC eMpuma Koloni icela uluntu ukuba lungawunaki lo mbhalo uphazamisekileyo kwaye luqaphele ukusasazeka kweendaba zobuxoki. I-ANC ithi izibophelele ekubonakaleni nasekuphenduleni, kwaye baya kuqhubeka nokunxibelelana namalungu abo kunye noluntu ngendlela enyanisekileyo nefike ngexesha.

