Namhlanje imini yeshumi elinesithoba umbutho okhokheleyo eMzantsi Afrika weANC Engcobo ubambisene nomasipala waseDr AB Xuma kuledolophu ubambe inkonzo yokukhumbula amadoda amane abhubhe kwingozi yemoto kwindlela uR408 phakathi kweNgcobo. neDutywa. kwiveki ephelileyo. UMelisizwe Fihlani(42), uSimbongile Mpafa(50), Siphelo Tyabilizwe (51) kunye noSimphiwe Mbulawa bagangxeleke kwingozi yemoto ngobusuku bangeCawa imini yeshumi elinanye kuJune 2023 ngethuba besuka kumgalelo wombutho owaziwa njengoSincuma kanjani ongumdlala wokubalekisa amahashi kwilali yaseDeberha Engcobo, nalapho kuthe kwabhaqwa lemoto idunduluzile kumawa aseNkobongo ngentseni yangomvulo umhla weshumi elinanye. Iingxelo zithi aba bebekhwele kwimoto eluhlobo lweToyota Avanza bebathandathu nekudizwa ukuba amabini basalele ngandletyana nye esibhedlele nanje ngoko aba bane besutywe kukufa kwindawo yexhwayelo.
Esisine sityabekwe njengeentsika zamakhaya kwaye ibingabantu ebebezizamela ukuze kulalwe kutyiwe.
Othethela iintsapho uJongibandla Beja uthe balimele kakhulu beyilali yaseXonya nanje ngoko lamadoda ebelulutho ekuhlaleni nakumakhaya wabo kwaye bebesajonge lukhulu kubo.
Lengozi ilandela emasikisi nebisube imiphefumlo yamadoda amane kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo kumajikojiko waseNciba kuhola wendlela uN2 phakathi kweMonti neGcuwa. Ikwalandela neengozi ezimbini ezisube imiphefumlo yabantu abaliqela kwindlela uR61 kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo.
Umphathiswa wezothutho ephondweni uXolile Nqatha, uye wadlulisa amazwi wovelwano kwiintsapho ezizibhaqe kulemeko wabongoza nabaqhubi ezindleleni ukuba banonophele xabeqhuba ukuze kuncitshiwe iingozi ezithe gqolo ukwehla kweliphondo.
Lenkonzo ibisingathwe ngabefundisi abaliqela abasuka kwiidolophu ezahlukeneyo, ooceba beeward zaseNgcobo, iziphathamandla kuledolophu kuquka kuzo uSomlomo webhunga likaMasipala wase Dr AB Xuma uMandilakhe Kondile nothethe wathi beziziphatha kumasipala wasekuhlaleni iDr AB Xuma babona kunyanzelekile ukuba baze necebo lokuzama ukunciphisa iingozi kwindawo yaseNkobongo nanje ngoko sele ziliqela iingozi ezisube imiphefumlo yabantu kulandlela.
