26.4 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

INkosazana Gqirh Nikiwe Bam, uzimase umbhiyozo woMgubho wamaHlubi, e-Estcourt.

UNkosazana uGq. Nikiwe Bam, uMseki obekekileyo kunye noMongameli weHlabathi weeNkokheli zeMveli yamaAfrika, uzimase umbhiyozo obekulindeleke kakhulu woMgubho wamaHlubi kunye namaHlubi woBukumkani ngomhla wesihlanu (05) kweyeDwarha ngonyaka-2024. AmaHlubi njengoko ebebhiyozela inkcubeko etyebileyo kunye neminyaka engamashumi amahlanu (50) yempumelelo yobukumkani.

Phakathi kweendwendwe eziqaphelekayo kukho igqiza eliphuma kubuKumkani baseSwatini, Imboni uZwilezwe Radebe weRevelation Spiritual Home, iindwendwe zamazwe ngamazwe, kunye nabameli abaphuma kwiiNdlu zoBukhosi bukaZulu, ubuKumkani bamaMpondo, ubuKumkani bamaMpondomise, kunye nobuKumkani bamaNdebele. Ubukho bezi ndwendwe zibekekileyo buqaqambise ukubaluleka kwalomsitho ekukhuthazeni umanyano nokuzingca ngenkcubeko kuMzantsi Afrika wonke.

Intetho ephambili yenziwe nguHRH uNkosi Zusifa Buthelezi, obethe wagxininisa ukuzinikela kwakhe ekuhambeni ekhondweni likayise ngokomeleza ubudlelwane obakhelwe ngutata wakhe. Ubalule ukuzinikela kwakhe ekusebenzeni ngokusondeleyo nobuKumkani bamaHlubi nokuqhubeka nelifa lentsebenziswano phakathi kosapho lakwaButhelezi namaHlubi. Kwintetho yakhe, uNkosi Zusifa Buthelezi ukwacaphule uyise ongasekhoyo uMntwana WakwaPhindangene, ecinga ngembali yobuKumkani bamaHlubi nendima ebalulekileyo abayidlalileyo kwimbali yalo mmandla.

Kwintetho yakhe, uNkosazana uGqirha uNikiwe Bam ugxininise inkxaso emandla yombutho wakhe ngokuqatshelwa koBukumkani bamaHlubi. Uphinde watsalela ingqalelo kwisigwebo senkundla esizayo ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeDwarha ka-2024 ePitoli, esiya kuba sisihlandlo esibalulekileyo kumlo wobuKumkani bamaHlubi wokuvunywa ngokusesikweni. UNkosazana uGqirha Bam umemelele zonke iinkosi zemveli ukuba zidibane zibe yimbumba yamanyama zixhase injongo yobuKumkani bamaHlubi, egxininisa ukubaluleka kwembali kaKumkani uLangalibalele I, owayesilwa namakoloniyali, waba yinkosi yokuqala ukuvalelwa eRobben Island, kwangaphambi kwexesha lezopolitiko.

Njengenkokeli yemveli kunye nommeli ozinikeleyo womanyano lweAfrika kunye nokugcinwa kwenkcubeko, iinkosazana uGqirha Nikiwe Bam naye uvakalise ukuphoxeka kwakhe kukuba iindwendwe ezininzi, eziquka iQela loBukhosi baseBuganda Kingdom, iNkosana u-Edward Frederick Walugembe, abakwazanga ukuya kwiMibhiyozo ngenxa yemiba ye-VISA.

Ukuthatha inxaxheba kukaBam kubethelele ukuzinikela kwakhe okuqhubekayo ekukhuthazeni ubunkokeli bemveli kunye nelifa lemveli lama-Afrika. Lo msitho ubuzaliswe yimisitho yemveli, umculo, kunye nomxhentso, unike ithuba iinkokeli eziphuma kwiingingqi ezahlukeneyo ukuba zidibane ngelihlonipha ilifa lobuKumkani baMaHlubi.

Ukubakho kwakhe kuye kwaqinisa indima yakhe ekuvaleni uluntu lwaseAfrika kunye nokuxhasa uzinzo lwenkcubeko kwilizwekazi liphela. UNkosazana uGqirha Bam ebephambili kumaqonga eengxoxo zemveli nenkcubeko ezahlukeneyo, eziquka iAfrican Traditional Leaders Forum nomsebenzi wakhe oqhubekayo nombutho weAfrikan Indigenous Leaders.

Ethetha ngalo msitho, uNkosazana uGqirha Bam uthe:
“Kuliwonga ukuba yinxalenye yomsitho obaluleke kangaka kubukumkani baMaHlubi, lo mbhiyozo awupheleli nje kwiminyaka engamashumi amahlanu edlulileyo, koko umalunga nekamva lezikumkani zethu kunye nelifa esilishiyela izizukulwana ezizayo, ndiyazingca ngomanyano nokuzingca kwabantu bamaHlubi.”

Le mibhiyozo ibihlanganise iinkokheli zengingqi nezengingqi, amagunya emveli, kunye namalungu oluntu, bonke behlonipha igalelo eliqhubekayo lobuKumkani baMaHlubi kumhlaba wenkcubeko nezentlalo nezopolitiko eMzantsi Afrika.

INkosazana uGqr. Nikiwe Bam yinkokeli eyaziwayo kunye nomthetheleli wenkcubeko, esebenza njengoMseki kunye noMongameli weHlabathi weeNkokheli zeMveli zaseAfrika. Udlala indima ebalulekileyo ekukhuthazeni ubunkokheli bemveli kunye nokukhuthaza umanyano kubo bonke ubukumkani bama-Afrika kunye namagunya emveli. Ngobunkokeli bakhe, uye wakhokela amalinge amaninzi okuxhasa ukugcinwa kwelifa lemveli lama-Afrika kunye neenkqubo zolawulo lwemveli.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
26.4 ° C
26.4 °
26.4 °
23 %
5.5kmh
66 %
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
12 °
Wed
23 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks