Inkokeli yeQela le-EFF uJulius Malema ugwetywe iminyaka emihlanu (5) entolongweni ngokuthe ngqo kwityala lakhe lokuphatha nokukhulula umpu esidlangalaleni.
UMalema uvele kwiNkundla yeSithili saKuGompo usuku lwesibini ngoLwesine umhla weshumi elinesithandathu (16) kuTshazimpunzi kwisigwebo sakhe esingundaba-mlonyeni.
Ugwetywe ngamatyala amahlanu kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo kuquka ukwaphula uMthetho woLawulo lweZibham emva kokudubula emoyeni ngexesha lokubhiyozela usuku lokuzalwa lweqela lakhe ngo-2018.
Enikezela isigwebo sakhe kwigumbi lenkundla elizele ngabantu, uMantyi uTwanet Olivier uthe inkundla ifumene ixesha elaneleyo lokufunda, ukuqwalasela, nokucinga oko kuboniswe ngamagqwetha okhuselo.
Uthe ekufikeleleni kwisigqibo, inkundla iqwalasele izinto ezininzi kuquka ubunzulu besenzo kwaye uMalema wayengumntu oqalayo ukwaphula umthetho ongenawo amanye amatyala olwaphulo-mthetho.
“Isigwebo esinikiweyo kufuneka silingane nolwaphulo-mthetho olwenziweyo. Kufuneka sibe nobulungisa kuluntu kwaye sidityaniswe nomlinganiselo wenceba ngokweemeko zento nganye,” utshilo uOlivier ngaphambi kokuba agwetywe.
Uthe “akunangqondo” ukuba ukuzikhusela “kwakugquma” ukukhutshwa kwesibhamu njengokudubula okubhiyozelayo, wongeza ngelithi uMalema wayesazi ukuba oko wayekwenza kwakungekho mthethweni.
UOlivier uthe iziganeko ezenzekileyo zazicwangciswe kwangaphambili ngaphambi kwemibhiyozo yomhla wokuzalwa we-EFF.
“Esi sigqibo senziwe kwaye senziwe ngemvume yomntu otyholwayo kunye neenkokheli. Umtyholwa wayesazi ukuba siza kubangela ingozi ebantwini okanye kwimpahla kodwa waqhubeka nokuba nesibhamu waza wadubula ebhiyoza. Esi sigqibo senziwe kudala ngaphambi kwesiganeko sokwenyani. Izenzo ezinjalo azinakuxolelwa yile nkundla nangayiphi na imeko kwaye zithethelela ngakumbi ukwenziwa kolwaphulo-mthetho ukuba yayiyimibhiyozo,” wongeze watsho.
Wongeze ngelithi nokuba ukukhutshwa kwesibhamu kwenziwe ngaphantsi komzuzu, impembelelo isafana.
Nantsi indlela echazwe ngayo le ngxelo:
Ityala lokuqala (1): Ukuba nesibhamu ngokungekho mthethweni – iminyaka emihlanu (5) entolongweni
Ityala lesibini (2): Ukuba neembumbulo ngokungekho mthethweni – iminyaka emibini (2) entolongweni
Ityala lesithathu (3): Ukukhupha umpu esidlangalaleni – isohlwayo se-R20,000
Ityala lesine (4): Ukusilela ukuthatha amanyathelo afanelekileyo okhuseleko kumntu okanye kwimpahla – isohlwayo se-R20,000
Ityala lesihlanu (5): Ukubeka emngciphekweni umntu okanye kwimpahla ngokungenankathalo – isohlwayo se-R20,000
Kusenjalo ityala lesithu (3), elesine (4), nelesihlanu (5)linolunye ukhetho lweenyanga ezintandathu (6) entolongweni ukuba akakwazi ukuhlawula iintlawulo yesohlwayo.

