INkundla ePhakamileyo yaseMakhanda isigcinile isigwebo kwityala le-Intercape lokudelela

Inkundla ephakamileyo yaseMakhanda eMpuma Koloni isibekele isigwebo de kwangoLwesibini weveki ezayo malunga nesicelo sokudelela esifakwe yinkampani yeebhasi iIntercape ngakumapolisa kwakunye nesebe lezothutho.

Le nkampani yeebhasi iye yaya enkundleni, isithi omabini amapolisa nesebe lezothutho basilele ukuthobela umyalelo wenkundla obanyanzelayo ukuba benze isicwangciso sokukhusela iibhasi zakwaIntercape, abasebenzi bayo nabakhweli kwiziganeko zobundlobongela eMpuma Koloni.

Ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo, inkundla yayalela ukuba amapolisa kunye nesebe lezothutho baqulunqe kwaye benze isicwangciso esisebenzayo sokhuseleko nanjengoko iibhasi zakwaIntercape zithe zahlaselwa kweli phondo.

Abaphenduli kulo mba bathi enkundleni yamatyala iye yanqumamisa amaphulo okukhapha iibhasi emva kokudamba kweziganeko zobundlobongela kweyeDwarha kwaye akuzange kubekho sigrogriso sisemthethweni emva koko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA