INkundla ithi akanatyala uTheuns du Toit, owachamela umfundi omnyama eStellenbosch.

Owayesakuba ngumfundi weDyunivesithi yaseStellenbosch uTheus du Toit, owadala isidubedube kwiminyaka emithathu eyadlulayo ngethuba iincwadi kunye netafile zomfundi ontsundu, ufunyenwe engenatyala kwizityholo zolwaphulo-mthetho ezimbini kwiNkundla kaMantyi yaseStellenbosch ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuCanzibe 2025.

UDu Toit wabekwa ityala lokuba nenjongo zokumosha nokonakalisa impahla. Walikhanyele ityala.

Umfanekiso: UTheuns du Toit entsontsela iincwadi kunye nempahla yomfundi omnyana waseStellenbosch.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uEric Ntabazalila ungqinile ukuba uDu Toit ufunyenwe engenatyala kula matyala mabini.

La matyala asukela kwisehlo sonyaka ka2022, esabanjwa kushicilelo lwevidiyo, ebonisa uDu Toit owayenxilile echamela impahla yomfundi ontsundu uBabalo Ndwayana kwigumbi ahlala kulo le dyunivesithi, iHuis Marais.

UDu Toit emva koko wagxothwa edyunivesithi emva kokuba indibano yoluleko yamfumanisa enetyala lokwaphula imithetho yomgaqo woluleko weli ziko labafundi aphathelele kwiinqobo ezisemgangathweni zedyunivesithi, imithetho yayo ngokubanzi kunye nemiba yokuziphatha.

UDu Toit wakuphikisa ukugxothwa kwakhe kwiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Kapa, kodwa isicelo sakhe sokuchitha isigqibo sale dyunivesithi sachithwa.

Igqwetha likaDu Toit, uDirk van Niekerk, uthe urhulumente awunabungqina bokuba uDu Toit walwenza ngeenjongo olu lwaphulo-mthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA