By Esona Magawana.
INkundla yeNgingqi yaseMonti eMpuma Koloni kulindeleke ukuba imamele iingxoxo ezivalayo kwityala lokukhupha umpu elijongene nenkokeli yeEFF uJulius kunye nonogada wakhe uAdrian Snyman.
UMalema utyholwa ngokukhupha umpu kumsitho wokubhiyozela iminyaka emihlanu yombutho ebibanjelwe kumabala emidlalo iSisa Dukashe, eMdantsane, eMpuma Koloni ngo2018.
UMalema waxelela inkundla ukuba umpu owayewusebenzisa, yayingumpu wokudlala.
Esi sibini sijongene nezityholo zokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni, kunye nokukhupha umpu kwindawo kawonke-wonke.

