12.6 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

INtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali yelinge lesithathu (3.0) iza kwenziwa ngoLwesithathu.

By Buhle Nomgalasa.

INtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali izakuba phakathi kwezinto eziphambili kule veki njenge nxalenye yenkqubo yepalamente, ekwaquka enye inkcaso yabaphathiswa beqela lezokhuseleko ngamalungu ePalamente.

Amehlo onke azakube ethe ntsho kumphathiswa wezemali uEnoch Godongwana xa ebuya kwilinge lesithathu lokubeka uhlahlo lwabiwo mali eCape Town International Convention Centre (CTICC) ngoLwesithathu, ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kuCanzibe 2025.

UHlahlo Lwabiwo-mali lokugqibela, ngeyoMdumba nangeyoKwindla, lwaliwa ngamaqela amaninzi ngenxa yokulahlwa kweziphakamiso zokunyuswa kwerhafu (VAT).

Ngelixa amaLungu ePalamente eqhelene neCape Town International Convention Centre emva kokufungiswa kulo nyaka uphelileyo, iya kuba yintetho yokuqala ngqa yohlahlo lwabiwo-mali ukuba ithiwe thaca khona.

Intetho yohlahlo lwabiwo-mali lukaGodongwana iza kuchaphazela namanye amatyala emali afana namatyala oLwahlulo lweNgeniso noLwabiwo-mali xa enikezela ngenkqubo-sikhokelo yemali ehlaziyiweyo kuthatyathwe ukonyuswa kweRhafu (VAT).

UGodongwana uza kuchaza ukuba oovimba bazakwabiwa njani ukuze bajongane nezinto eziphambili zikarhulumente, kwaye babonelele ngengqikelelo yokukhula kunye ne-GDP eqikelelwayo.

Isithethi sePalamente, uMoloto Mothapo, ucacisa le nkqubo.

“KwiNdlu yoWiso-mthetho inkqubo yezemali iza kuqwalaselwa ngomhla weshumi elinanye (11) kweyeSilimela kwaye kufuneka yamnkelwe sisininzi samalungu akhoyo ngokweemfuno zokuvota.”

Inkxaso-mali yemibutho yezopolitiko nayo yenza imbuyekezo kule veki, kunye neNdlu yoWiso-mthetho ukuba ithathele ingqalelo ikomiti yepotfoliyo yengxelo yezeKhaya malunga noMthetho weNkxaso-mali yeqela lezoPolitiko kunye nomda ophezulu kunye nokubhengezwa kweminikelo kumaqela ezopolitiko kunye nabagqatswa abazimeleyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
79 %
6.8kmh
100 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks