18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Iqalile imidlalo yomboxo yeCurrie Cup kwimpela veki esiphuma kuyo.

Nangona iBulldogs zibethiwe kodwa zidlale kakuhle nangokuzimisela.

Bekudlalwa imidlalo yeNdebe yeCurrie kudidi lokuqala kulempela veki siphuma kuyo, amaqela afana neEastern Province Elephant, iLeopards, neBoland Kavalliers ziphumelele zidlala ekuhambeni.

Iinjinga ezikhuselayo iBoland ibethe iValke ngamanqaku angamashumi amane anesithandathu kumanqaku angamashumi amathathu anesibini (46-32) kumabala iBarnard eKempton Park, iBoland ibinqenqeza phambili ngamashumi amabini anesithandathu kumashumi amabini anesibini (26-22) kwisiqingatha sokuqala somdlalo.

IiElephants zona zibethe abamelwane bazo iSouth Westen District ngamanqaku anamashumi amathathu anesine kwishumi elinethoba (34-19) eGeorge ngelixa iqela lasePotchestroom iiLeopards zibethe iiBulldogs eMonti ngamanqaku angamashumi amabini anesithandathu kumanqaku angamashumi amabini anesine (26-24).

IiLeopards bezihamba phambili kwisiqingatha sokuqala ngamanqaku angamashumi amabini ananye kwishumi elinesixhenxe (21-17) ePolice Park, nangona ibethiwe iBorder kodwa idlale kakuhle nangokuzimisela kulomdlalo.

Kanti kwelinye icala iEP idlale kakuhle kakhulu eGeorge ngethuba ibetha iSWD, iEP ibihamba phambili kwisiqingatha sokuqala somdlalo ngeshumi elinethoba kwisixhenxe (19-7).

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks