20.6 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

IQela leEconomic Freedom Fighters (EFF) eMpuma Koloni linenkxalabo enkulu ngamanani ephondo akutshanje amalunga nokukhulelwa kwabantwana abaselula.

By Esona Magawana.

Amanani ephondo akutshanje amalunga nokukhulelwa kwabantwana abaselula akhutshwe kule veki iphelileyo, angqina ukuba linyuke ngendlela ephazamisayo inani labantwana nolutsha olubelekayo kwiPhondo leMpuma Koloni phakathi kukaTshazimpuzi kunye neyeKhala ka-2025.

Ngaphezu kwekhulu (100) lamantombazana aphakathi kweminyaka elishumi (10) kunye neshumi elinanye (14) abelekele kwizibhedlele zikargulumente, ngelixa phantse amawaka amahlanu (5000) abakwishumi elivisayo abaneminyaka elishumi elinesihlanu (15) ukuya kwishumi elinesithoba (19) ababeleke msinyane. La manani othusayo aphinda abonakalisa ukusilela kwenkqubo kaRhulumente, uluntu kunye namaziko athe gqolo ukungcatsha umntwana oyintombazana.

Ingxelo ephuma kuMbutho weEFF kwiPhondo leMpuma Koloni ithi, “Akukho mntwana ufanele ukuba ngumama. Ezi zibalo ayingomanani nje, zimela ubuntwana obubiweyo kwaye ikamva elifinyeziweyo. Le ngxaki inzima kakhulu kwizithili ezifana ne-OR Tambo, apho umthamo wokubeleka kwabantwana abancinane ubusoloko uphezulu, nto leyo ebonisa ukuba ungenelelo lwangoku alufikeleli kwabona bantu basemngciphekweni. URhulumente uthethe ngeenkqubo namaphulo, kodwa inyaniso kwiindawo esihlala kuzo iveza okuchaseneyo kokuba umntwana oyintombazana akakhuselekanga, akaxhaswanga, kwaye ushiywa ukuba ajongane neziphumo zobomi bentlupheko nokuxhatshazwa.”

I EFF ithi, ukukhulelwa kwabantwana abaselula ayisosiphumo nje sokhetho lwamantombazana aselula, sisiphumo sobundlobongela/udlwengulo, ukungaphuhliswa kophuhliso lwasemaphandleni, ukuwohloka kweenkonzo zempilo, ukunqongophala kwemfundo yezesondo, ukungabikho kweeklinikhi ezilungele ulutsha, kunye nokusilela kwenkqubo yezobulungisa ukuthatha amanyathelo angqongqo ngokuchasene nabadlwenguli ngokusemthethweni.

Umbutho we-EFF eMpuma Koloni uphinde wagxeka ukusilela okuthe gqolo kweNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika ekuphatheni udlwengulo, ingakumbi udlwengulo olusemthethweni, ngokungxamisekileyo nangonyanzeko olulufunayo. Yinyaniso eyothusayo into yokuba abantwana abaphakathi kweminyaka elishumi (10) nelishumi elinesine (14) ubudala bakhuleliswa ngamakhwenkwe alingana nawo. Kwiimeko ezininzi oku kukhulelwa ziziphumo zamadoda amadala axhaphaza kwaye ahlukumeze amantombazana amancinci. Ludlwengulo olu, kwaye kufuneka luphathwe ngolo hlobo.

I-EFF ke ngoko ihlaba ikhwelo kuluntu kunye namapolisa ukuba omeleze iinzame zawo zokubeka phambili amatyala odlwengulo, aqinisekise ukuba ukukhulelwa ngakunye okubandakanya umntwana osemncinci ngokuzenzekelayo kuxhokonxa uphando lolwaphulo-mthetho, ukubanjwa kwangoko, kunye nokutshutshiswa okuqinisekileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
62 %
6.4kmh
100 %
Wed
19 °
Thu
14 °
Fri
18 °
Sat
34 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks