IQhutywe ngempumelelo itumente ye-GBV yamanqindi yamagqiyazana eBaby Lee Stoop, eMonti.

By Siphiwo Boqwana.

UMbutho kwezaManqindi e-BCM ububambe iTumente yamaGqiyazana yamaNqindini ngeenjongo zokubonakalisa inxaso kumanina nabantwana abathe gqolo ukuhlukunyezwa. Le tumente neyaziwa njenge tumente ye-GBV ibibanjelwe kuLwandle lakuMasipala i-Buffalo City kwindawo e-Baby Lee Stoop eQuigney ngoMvulo, umhla wamashumi amabini ananye (21) kwinyanga kaTshazimpuzi 2025.

Le tumente ye-GBV ibiququzelelwe licandelo lamanina kumbutho wamanqindi.

Ngokwengxelo yomnye wabaququzeleli kumanina emanqindini uZukiswa Simatu uvakalise ukuba bagqibe kwelokuba baphakame bengabasetyhini kuba bayahlukumezeka. Enye into eyinjongo yokuza sizokulwisa lamagqiyazana kukuzama ukubonisa ukuba lo mdlalo wamanqindi uyadlaleka kunjalo nje amabhinqa awudlala ngempumelelo nawo, utshilo uZukiswa ongomnye wabaququzeleli balomnyhadala wamanqindi.

Abaququzeleli bakwavakalise ukuba bakwazama ukuwabalekisa amagqiyazana nasekumitheni besekrancukrancu kananjalo babasindisa nakwiziyobisi nezithande ukugqugqisa kakhulu kulutsha.

Kuvakala nento yokuba amanqindi ayawanceda amanina ukuba akwazi ukuzikhusela kulemeko yokuhlukunyezwa kwabo kwelilizwe loMzantsi Afrika.

UZukiswa ukwavakalise ukuba banethemba lokuba bazakuvakala bahoyakale lehle nezinga lokuhlukunyezwa kwabo. Ezinye zezinto ezibaphakamisayo bengabaququzeleli bamangqindi kumagqiyazana kukuba aba bantwana bahlukunyezwa ngabantu ababathembileyo nabafanele ukuba bayabakhusela, ngabantwana aba ekulindeleke ukuba bavuse amakhaya abo, banekamva eliqaqambileyo.

Kukwacetyiswe abantwana ngelithi xa kukho into abangayiqhelanga eyenziwa kubo bayixele kwangoko. Lo mququzeleli wamanina kumanqindi ukwabongoze abazali ukuba bathumele abantwana babo ejimini balolongelwe iguduva watsho esithi nemfundo ibalulekile.

Nazi iziphumo zaletumente yangoMvulo, u-Alothando Yaphi ubethe ngamanqaku uZimi Tofu, u-Inganathi Koko wazibethela uMilani Xhotyeni naye ngamanqaku, waze uHlumela Nqiko wabetha uLinathi Kilani ngamanqaku.

UMziwakhe Njongo uphumelele ngamanqaku ebetha u-Iviwe Sinobolo, kanti yena u-Aphelele Ndweni ubethe ngamanqaku uKgotso Ringane waze uLusikelelo Mangwana wazibethela ngamanqaku uLuhlelunje Jamela.

U-Athandile Nomzanga uphumelele ngamanqaku ngethuba esilwa no-Inako Mzayifani, uSiphahle Stuurman ubethe u-Amahle Mabombo ngamanqaku kanti yena uSiviyisile Ndiki ubethe u-Ivokuhle Booi ngamanqaku, u-Ayazinga Boyi waphumelela ngamanqaku ngethuba esilwa no-Emihle Waya, u-Onoluvo Booi uye wabetha ngamanqaku uHlonela Makade, waze u-Osuliwe Mbeki waphumelela ngamanqaku ebetha u-Olwam Mdashe, u-Abenam Luzipho ubethe uKhanya Gebe ngamanqaku, uLiliso Tamarana wabetha ngamanqaku u-Alutha Tutu.

Le tumente ibijongwe nguNompelo Jeke nalapho ebeqinisekisa impumelelo yayo njengomququzeleli oyintloko, yena uSinelizwi Jonas ebeqinisekisa ukuba iimbethi manqindi ziyalibamba ixesha ukuzohlula xakuphela umjikelo naxa kufuneka bebuyele kumjikelo olandelayo. Yena uZukiswa Simatu ebebetha intsimbi ukuncedisana nexesha likaJonas.

U-Nomakhaya Sundaza ebengusompempe ekwa ngumgwebi, uThandile Matshoba ebengumgwebi no-Ezam Tofu, uZukiswa Simatu yena ngusekela nobhala we-Buffalo City Metro Open Boxing ekwa ngumqeqeshi wombutho wamanqindi waseMdantsane i-Mdantsane Boxing Organisation. UNamhla Veto yena ngusekela sihlalo we-BCMOB.

Itumente elandelayo yamagqiyazana yamanqindi izakuba ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kwinyanga ezayo kaCanzibe ngosuku lokubungazwa kwenkululeko ngomvulo ezintsukwini nezakube ikwilokishi yaseMdantsane kwa-NU6 kuDederhu lwevenkile eMdantsane City.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
70 %
4.1kmh
96 %
Sun
19 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA