ISebe lezaBasebenzi livele enkundleni ngezityholo zorhwaphilizo.

Umqeshwa oneminyaka engamashumi amane nanye (41) weSebe lezaBasebenzi ubanjiwe ngoMvulo ngezityholo zobuqhophololo, kwindlela engundoqo e-Amalinda, eMonti.

Umqeshwa oneminyaka engamashumi amane nanye (41) weSebe lezaBasebenzi ubanjiwe ngoMvulo ngezityholo zobuqhophololo, kwindlela engundoqo e-Amalinda, eMonti. Oku kwenzeke ngomhla weshumi elinesibini (12) Agasti 2024.

Amalungu aphantsi kweCandelo lokuLwa uRhwaphilizo afumene ulwazi kumaxhoba amabini malunga nomntu otyelele iindawo zabo zamashishini efuna imali. Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba esi sinyanzelo saqala kweyeKhala ka-2023 xa umrhanelwa kufuneke eqokelele imali, esithi uyokubhalisa abasebenzi babo ukuze bafumane izibonelelo ze-UIF

Amaxhoba akhuphe imali engama mawaka amathathu (R3000.00) eerandi, kwaye kutsha nje, ahlawule imali engangewaka elinama khulu amathathu (R1300.00) eerandi kumrhanelwa. Uphando olunzulu olwenziwe ngamapolisa lukhokelele ekubanjweni kwalomrhanelwa izolo eAmalinda Main ngethuba esemotweni yakhe eqokelela iwaka (R1000.00) leerandi kula maxhoba.

Umrhanelwa uvele kwinkundla kamantyi eMonti izolo ze wakhululwa ngebheyile yewaka (R1000) kwaye uya kuvela kwakhona ngomhla wesjumi elinethoba (19) kweyoMsintsi 2024.

By Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA