19.2 C
King William's Town
Tuesday, September 17, 2024

Inkwenkwezi yaseMdantsane uQhama Nyamza utyunjwe kwiMzansi Arts and Media Awards.

Kwilokishi yaseMdantsane, uQhama Nyamza oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala wenza amaza kunomathotholo nangaphaya.

Kwilokishi yaseMdantsane, uQhama Nyamza oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala wenza amaza kunomathotholo nangaphaya. Umntu othandwayo ongumthetheleli wamalungelo oluntu, kunye nomlweli weLGBTQI+, igalelo elikhethekileyo likaNyamza limenze watyunjwa kuluhlu lwaBasasazi abaBalaseleyo kwiMzansi Arts and Media Awards zalo nyaka.

Uhambo lukaNyamza kwilizwe likanomathotholo lwaqala ngentlantsi yenkuthazo eyavela kowayesakuba ngumsasazi ophambili kunomathotholo uKC Mthobeli August. Ekukhuleni kwakhe, uNyamza ebethanda ukutyelela izikhululo zasekuhlaleni ezifana noMdantsane FM, nalapho ebefunda kumsasazi uSiya Tayo. Ingcebiso kaTayo yayibalulekile, kwaye enika uNyamza amathuba okuthetha kunomathotholo ebulisa abaphulaphuli ehlomla nakwincoko encokolwayo emoyeni.

“Enkosi kuMnu. Tayo ngokundivumela ukuba ndihlale kwiinkqubo zakhe nangokuba ngumcebisi,” utshilo uNyamza, ecinga ngeentsuku zakhe zobutsha.

Ukuthanda kwakhe ukusasaza kwamkhokelela ekubeni uAthenkosi Fani, umhlobo nowaye ngumsebenzi weKumkani FM ngelo xesha, emkhuthaza ukuba angenise iCV yakhe ukuze abe ngumsasazi. Italente kaNyamza yaqaqamba, nto leyo eyamenza wafumana indawo kwesisikhululo ngokukhawuleza ngexesha lovavanyo.

Unomathotholo, kuNyamza, ungaphezulu kokuba ngumsebenzi kuye, uthi liqonga lobunkokeli kunye iinkonzo kuluntu. “Ukubakho kunomathotholo kundenze ndaziva ndiyinkokeli nomncedisi eluntwini,” ucacise watsho. “Lithuba apho ndizisa ulwazi kunye nolonwabo, kwaye livule iingcango kwihlabathi ebendingalazi ngaphambili.”

Impumelelo kaNyamza inabela ngaphaya kwamaza omoya. Kungoku nje ungusihlalo weSouth African Queer Movement eMpuma Koloni kwaye ukhe wasisithethi seEmbrace Diversity Movement kwingingqi yaseRubusana, eMdantsane. Umsebenzi wakhe awuvakalisi amazwi e-LGBTQI+ kuphela kodwa ukwalwela amalungelo oluntu kunye nokubandakanywa.

KuNyamza, ukuchongwa kwiMzansi Arts and Media Awards bubungqina bamandla okunyamezela namaphupha. “Ukuphumelela eli wonga kungabonisa ukuba nokuba usuka phi na eMpuma Koloni, amaphupha ayafezeka, kwaye ukusebenza nzima kunemivuzo,” utshilo.

“Ngumyalezo oya kumantombazana amancinci asuka kwiilali ezisemaphandleni ukuba amaphupha abo anokuzaliseka.”

Ibali likaNyamza libali lokomelela. Nangona ejamelene nokuchaswa kunye namathandabuzo, ubabonisile abagxeki bakhe ngeempazamo zabo.

Uthi: “Omnye umntu owakha wandicima intlantsi kanomathotholo wabuya waza kuvuma umsebenzi wam waza wandixhawula isandla.

“Ngamaxesha afana nala andikhumbuza ukuba ndihambe kangakanani kwaye kutheni ndisenza le nto ndiyenzayo.”

Njengokuba umsitho wokunikezelwa kwamawonga usondela, uluntu lwaseMdantsane luyazidla ngokukhula kwalo. Uhambo lukaQhama Nyamza ngumzekelo oqaqambileyo wendlela inkanuko, ukuzinikela kunye nokusebenza, kwaye ukusebenza nzima kunokukhanyisa nakwezona kona zimnyama zamaphupha ethu.

UQhama Nyamza uyacela kwaye ebongoza bonke abalandeli bakhe ukuba bamvotele kulawonga ngokuthi bathumele iiSMS ethi “ MAMA 1052” ku 40439. Iivoti zixabisa i-R2 kuphela. Kwaye iivoti zayavalwa ngomhla weshumi elinesithandathu kule yeThupha inyanga 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
42 %
1.1kmh
100 %
Tue
23 °
Wed
22 °
Thu
13 °
Fri
12 °
Sat
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks