ISebe lezeMpilo eKZN lifunga libakhusela abasebenzi abayanyaniswa nophando lokubhubha kukaGqirha.

By Buhle Nomgalasa. 

UGqirha obengumqeqeshwa uAlulutho Mazwi ubhubhele emsebenzini kwiveki ephelileyo emva kokunyanzelwa nguManejala wakhe ukuba aye emsebenzini ngethuba egula.

ISebe lezeMpilo KwaZulu-Natal lifunge lathembisa ukuba liza kubakhusela abasebenzi besibhedlele iPrince Mshiyeni abayanyaniswa nophando lokubhubha kwalo gqirha.

UGqirha obengumqeqeshwa uAlulutho Mazwi ubhubhe ngethuba esebenza kwiveki ephelileyo emva kokunyanzelwa ngumanejala wakhe ukuba aye emsebenzini ngethuba egula. Isebe lithe bayasiphanda esi siganeko.

“Sifuna ukuqinisekisa bonke abasebenzi ababandakanyekayo kuphando ukuba akukho basebenzi bazakuxhatshazwa ngethuba kuqhutywa uphando, nanjengoko le nkqubo ifanele ukuba nobulungisa kubo bonke abachaphazelekayo,” sitshilo isithethi sesebe lezempilo eKZN uNathi Oliphant. Ukwahlabe ikhwelo kubasebenzi ukuba baxele zonke iinkxalabo zempatho-mbi kweli sebe.

“Isebe lineendlela ezikhuselekileyo zokunika ingxelo ngayo nayiphi na imiba equka unxunguphalo lweemvakalelo, imingeni yenkqubo, okanye izikhalazo zasemsebenzini, bayakhuthazwa ukuba basebenzise amajelo asemthethweni afana ne-ofisi ye-CEO, icandelo lezabasebenzi, okanye bacele inkxaso,” uthethe watsho uOliphant.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA